15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Iqela lezopolitiko iATM lithi ayinje xa izolunga tu ngakuCyril Ramaposa

Umbutho weqela lezopolitiko iATM izikhaba kabukhali iziphumo zakutsha nje zokuba uMongameli Cyril Ramaphosa kunye noNtaba Nyoni khange bayityeshele imimiselo, nemalunga nokwamkelwa kwemali yangaphandle kunye nokusilela ukwazisa iBhanki enguVimba.

Eliqela leATM lithi likholelwa ukuba ubungqina bubonisa okwahlukileyo koko. Lombutho uthi iinyani zezokuba imali kaMongameli yangaphandle awayifumana ngokuthengiswa kwezilwanyana ngo-2019, yayikweli lizwe ngokungekho mthethweni. Usithi le mali yangaphandle ayizange ibhengezwe kwii-arhente ezifanelekileyo zolawulo lwemali karhulumente, endaweni yoko yafakwa kwifenitshala yaza yagcinwa kwifama kaMongameli ixesha elide kunokuba ivunyelwe ngokusemthethweni ukuba yenze njalo okanye ivalelwe eBankini.

Ibhanka enguvimba, iSouth African Reserve Bank, yona imfumanise uMongameli engenzanga nto igwenxa kuphando lwayo oluphathelene nokungachazwa kwemali eziiDola zaseMelika, eyabiwa kwifama kaMongameli iPhala Phala ngo 2020.

Lengxelo ilandela izityholo ezenziwa ngobesakuba yintloko yecandelo lezobuntlola, uArthur Frazer, ngakuMongameli uCyril Ramaphosa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks