22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Iqela lezopolitiko iATM lithi ayinje xa izolunga tu ngakuCyril Ramaposa

Umbutho weqela lezopolitiko iATM izikhaba kabukhali iziphumo zakutsha nje zokuba uMongameli Cyril Ramaphosa kunye noNtaba Nyoni khange bayityeshele imimiselo, nemalunga nokwamkelwa kwemali yangaphandle kunye nokusilela ukwazisa iBhanki enguVimba.

Eliqela leATM lithi likholelwa ukuba ubungqina bubonisa okwahlukileyo koko. Lombutho uthi iinyani zezokuba imali kaMongameli yangaphandle awayifumana ngokuthengiswa kwezilwanyana ngo-2019, yayikweli lizwe ngokungekho mthethweni. Usithi le mali yangaphandle ayizange ibhengezwe kwii-arhente ezifanelekileyo zolawulo lwemali karhulumente, endaweni yoko yafakwa kwifenitshala yaza yagcinwa kwifama kaMongameli ixesha elide kunokuba ivunyelwe ngokusemthethweni ukuba yenze njalo okanye ivalelwe eBankini.

Ibhanka enguvimba, iSouth African Reserve Bank, yona imfumanise uMongameli engenzanga nto igwenxa kuphando lwayo oluphathelene nokungachazwa kwemali eziiDola zaseMelika, eyabiwa kwifama kaMongameli iPhala Phala ngo 2020.

Lengxelo ilandela izityholo ezenziwa ngobesakuba yintloko yecandelo lezobuntlola, uArthur Frazer, ngakuMongameli uCyril Ramaphosa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks