17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Uphike wamentla esithi akalotutu, kodwa inkundla yabona okunye kuye.

Owayesakuba ngumphathi kwigaraji yase-Engine kuTsolo ugwetywe iminyaka eyi-15 entolongweni ngokuqhatha umqeshi wakhe nokuba imali engaphaya kwe-R774 000.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eMpuma Koloni uLuxolo Tyali uthi uAnele Mqhathu oneminyaka engamashumi amathathu ubudala ugwetywe kwinkundla yezoRhwebo eMthatha Specialized Commercial Court izolo.

Uthi kwisithuba seenyanga ezilishumi ngonyaka ka-2021, uMqhathu wathatha imali kubasebenzi bale garage ngenkohliso.

UTyali uthi le mali wayeza kuyinika abahlobo bakhe ngemiyalelo yokuba bayifake kwiakhawunti yakhe yebhanki.

Uthi xa umqeshi wakhe eqaphela ezi zitenxo, wanxibelelana nomgcini-zincwadi zemali ze waqubisana noMqhathu owathi wavuma ukuba wenze ulwaphulo-mthetho kwiselfowuni yakhe.

I-NPA ithi emva kokubanjwa kwakhe, nangona kunjalo, watshintsha amazwi akhe kwaye waliphika ityala.

UMqhathu ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu ngobusela neminye iminyaka elishumi elinesihlanu ngobuqhophololo kodwa inkundla yayalela ukuba izigwebo zakhe ziqhubeke ngaxeshanye.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks