Ukuwohloka kweziseko zophuhliso, ukonakaliswa kwezakhiwo kunye nolwaphulo-mthetho kubambe izikolo ezininzi kweli phondo ngokutyhoboza, nangona kunjalo iNkululeko Senior Secondary School esanda kwakhiwa KwaNobuhle eKariega, izingca ngesakhiwo sodidi oluphezulu esikhuselwe ngoonogada neekhamera. .
Inkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane, usekela sodolophu weNelson Mandela Bay uBablwa Lobishe kunye nenqununu yesikolo uSizwe Stokwe bebephakathi kweendwalutho ebeziyinxalenye yomsitho wokuphakanyiswa kwendwe kwanokunikezelwa kwesikolo ngokusesikweni apho bamkelwe khona liqela lomculo, kwesisikolo.
Imibala engwevu, eluhlaza okwesibhakabhaka nomhlophe ibibhabha ngaphezulu kwenkulumbuso njengoko yayibhengeza ukuba ixesha elide lokulinda isikolo samabanga aphakamileyo esisebenza ngokupheleleyo, liphelile.
UStokwe uthi isakhiwo sangaphambili ebefundisa kuso besidilika kwaye singenazo izindlu zangasese. “Kwesi sakhiwo sitsha, sikhuselekile, sinezindlu zangasese kwaye sikhuselekile kulwaphulo-mthetho.
Eli ziko lezigidi ezingama-R81 lizingca ngelebhu yenzululwazi nekhompyutha, amagumbi okufundela asetyenziselwa iinjongo ezininzi, iziko lesondlo, inkundla yebhola yomnyazi kunye nesakhiwo solawulo.
Ngaphaya koko, indawo ephuculweyo ikwaneempawu zokhuseleko oluphezulu kubandakanya ucingo, indlu yonogada kunye namagumbi akhuselekileyo.
UMabuyane ucule encoma isikolo esithi: “Umntu akanakuze aphazame xa etyala imali emfundweni. Ukwabongoze uluntu ukuba lubambene ngezandla neqonga lezobupolisa lasekuhlaleni ukuqinisekisa ukuba esi sikolo asibi lixhoba lezaphuli-mthetho nezigebenga.
“Isikolo sishiyelwa ezandleni zebhunga lolawulo lesikolo, ulawulo lwesikolo noluntu ngoko ke, uluntu kufuneka luthathe inxaxheba ebonakalayo ekuqinisekiseni ukuba ayisiyondawo yezikrelemnqa.Esi sikolo sikwanika uluntu ukuba lujongwe ngobuso ngoba sisibane sethemba kwiinkokeli zethu zekamva.”
Umfundi webanga leshumi elinanye owaba nesibindi esakhiweni sesikolo esidala uthi, olu suku ibe liphupha elizalisekileyo. “Ithemba namaphupha ethu abuyile, ngoku sijonge ukuza esikolweni ngenxa yezi zibonelelo zintsha, isikolo esitsha sinemigaqo kwaye siyasikhuthaza ukuba sifune ukwenza konke okusemandleni ethu ngamaxesha onke,” utsho uAsive Tenke.

