Kuhlaselwe kwavalelwa Umongikazi kunye nonogada iiyure ezingama-48 eMpuma Koloni ngexesha lophango

Unogada kwakunye nomongikazi wekliniki yaseSigodlo eAmathole bahlaselwe ngethuba kuphangwa ngoLwesihlanu, bevalelwe ngaphakathi kwindawo egcina amayeza bakhululwa ngentsasa yangeCawe.

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi amadoda angaziwayo axhobileyo ahlasele aba babini phambi kokuba abe iikhompyutha, umatshini wokufotokopa, ubisi olungumgubo lweentsana, ukutya, iiTV, iimfonomfono kunye necylinder yegesi.

Uthi abaphuli-mthetho babophelela amaxhoba ngaphakathi kwi-dispensary phambi kokuba bavale umnyango ngamakhamandela.

UKupelo uthi babhaqwe ngentsimbi yesithandathu kusasa ngeCawe ngethuba unogada efika emsebenzini wakhe.

Umphathiswa wesebe lezempilo uNkosazana Meth ulukhalimele olu hlaselo watsho ecela inkonzo yesipolisa ukuba ingashiyi naliphi na icala ukuze ikhangele ezi zigebenga ze zigwetywe.

Ukwavakalise inkxalabo yakhe emandla malunga nohlaselo olungeyomfuneko oluchaphazela uhanjiswa kweenkonzo.

Olu luhlaselo lwamva nje lwezixhobo zeli Phondo emva kokubiwa kweentambo zombane kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha nokunyanzelwa ukuba abasebenzi basebenze ngeJenereyitha iintsuku ezintlanu.

Kutshanje kubiwe ucingo lwekliniki iMabandla eKariega.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA