23.2 C
King William's Town
Wednesday, October 9, 2024

Isikolo saseNquthu sinootitshala ababini kuphela.

Obethetha ongafunanga ukuchazwa igama lakhe, ongumzali womfundi kwesi sikolo uthe bathule ixesha elide ngale meko.

“Ayilunganga le yenzekayo esikolweni. Kutheni isebe likuvumela oku ukuba kwenzeke? Bayayazi ukuba akukho zitishala apha esikolweni,” utshilo umzali.

“Kuza kwenzeka ntoni kubantwana bethu xa befudukela kwezinye izikolo emva kweBanga lesi-7? Oku kubamoshela ixesha kuba bayela ilize esikolweni.”

Ootitshala bafundisa iMathematika kuphela yonke imihla, ngelixa abantwana abaninzi bedlala ngaphandle kuba bengenazo iiklasi kwezinye izifundo.

“Asibabeki tyala ootishala ababini besisikolo. Siyayibulela into yokuba bekhona, kodwa abantwana bethu bafuna ngaphezu koku,” utshilo umzali.

“Abantwana bethu kulindeleke ukuba babe sesikolweni ukusukela ngentsimbi yesibhozo kusasa ukuya kutsho ngeyesithathu malanga. Khawufane ucinge uvuka ngeentsuku ezishushu okanye ezinethayo ukuya esikolweni kungekho nto. Oku kungxamisekile. Isebe kufuneka liyithathele ingqalelo le nto.”

Abazali bakholelwa ekubeni isebe lithathela ingqalelo kubantu abaqhankqalazyo kuphela. 

“URhulumente wethu ubathathela ingqalelo kuphela abahlali xa besiya esitalatweni,” utshilo umzali. “Asizukuyenza loo nto, kwaye sinethemba lokuba isebe alizukufuna ukusivala isikolo ngenxa yoku. Kufuneka baqinisekise ukuba isikolo sinabafundisi-ntsapho.”

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMalibongwe Mtima, uthi esi sikolo sikwindawo enzulu yasemaphandleni, kude kakhulu nedolophu, kwaye siyasokola ukutsala abafundisi-ntsapho.

“Sifake ootitshala abongezelelweyo kwesi sikolo ngoMatshi walo nyaka; nangona kunjalo, bonke abo titshala baye bakhetha ukungena kwezinye izikolo, besebenzisa amalungelo abo ngokuhambelana nesivumelwano sentsebenziswano [sothethwano] sika-2016,” utshilo uMtima.

Uthe ngenxa yalo mba, sele bebeke phambili esi sikolo ukuze baqeshelwe necandelo lezabasebenzi, elizakuthi libancede.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
23.2 ° C
23.2 °
23.2 °
32 %
2.3kmh
82 %
Wed
33 °
Thu
37 °
Fri
26 °
Sat
35 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks