Inkokeli ye-United Democratic Movement (UDM) uBantu Holomisa, uthi ukungahoywa nokuba phantsi kophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni lihlazo kwiphondo elinembali etyebe ngolu hlobo negalelo kwinkululelo.
UHolomisa uye wahambisa umqulu wezithembiso zephondo onamanqaku alishumi kwiholo laseDuncan Village eMonti. Uthi ukonakala kweziseko zophuhliso nokunqongophala kwenkonzo ezilalini kungenxa yorhwaphilizo olugqugqisayo kunye nokusetyenziswa gwenxa kwemali ngurhulumente okhoyo.
Uthi umgangatho wemfundo ophantsi, ukunqongophala kwamathuba ezoqoqosho kulutsha nokungaphuhlisi kwamaphandle eMpuma Koloni, zezona zinto zixhalabisa lo mbutho.
Ukwathe lo mbutho uthi urhulumente wephondo okhoyo kufuneka aphendule. “Injongo yethu kukuqinisekisa ukuba iMpuma Koloni ifumana inkxaso-mali eyaneleyo kuba eli liphondo lesibini ngobukhulu kwaye xa ujonga iziseko zeTranskei neCiskei ngoko, ayizange idityaniswe nenkqubo enkulu yezinto. Kukwanjalo nakwilokishi; jonga ubumdaka apho sikhoyo. Aba bantu baphila olu hlobo ukusukela ngeminyaka yoo-80 kwaye urhulumente weANC akukho nto abenzele yona abantu baseDuncan Village,” utsho uHolomisa.
UHolomisa uthi eli phondo kufuneka lilawulwe ngurhulumente wamaqela ngamaqela ngeenjongo zokukhuthaza ukwenziwa kwezinto elubala kurhulumente.
“Ukulawula iqela elinye eMpuma Koloni akuzusinceda. Ke, ukuba ngurhulumente womdibaniso, asinakukhetha, kodwa siya kuthatha inxaxheba, asibeki nayiphi na imiqathango. Siza kuhlala phantsi sijikeleze itafile kwaye sibeke imiqulu yezithembiso zethu. Masidibanise ezo zithembiso kwaye sithethe ilizwi elinye. ”
UHolomisa uthi imeko yezoqoqosho kweli phondo ifuna kuvulwe zonke izakhiwo ezingasebenziyo ukuze kudaleke amathuba engqesho kubantu abatsha.