UMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana ucebise ukonyuswa kwe-VAT kwintetho yakhe yoHlahlo-lwabiwo mali luka-2025, ejonge ukunyusa izinga ukusuka kwi-15% ukuya kwi-15.5% ukusuka ngomhla wokuqala (1) kuCanzibe ka2025, kunye nokunyuka okunokwenzeka ukuya kwi-16% ngo-2026.
Nangona kunjalo, ukunyuka okucetywayo akuzange kusebenze.
Amaqela aphikisayo, kuquka iDemocratic Alliance (DA) kunye ne-Economic Freedom Fighters (EFF), aphikise esi sicelo kwiNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni ngoenyanga ka Tshazimpunzi ka2025, esithi yiPalamente kuphela enegunya lokutshintsha amazinga erhafu. Isivumelwano phakathi kweSebe lezeMali kunye neqela eliphikisayo sakhokelela kumyalelo wenkundla wokumisa ukonyuswa kwe-VAT, ukugcina izinga likwi-15%.
Ngomhla wesithandathu kweyoKwindla ka2026, iNkundla ePhakamileyo inikezele isigqibo sayo sokugqibela, iqinisekisa ukuba uMphathiswa wenze ngokwamalungelo akhe asemthethweni ukuphakamisa ukonyuswa kodwa evakalisa ukuba icandelo loMthetho we-VAT elimvumela ukuba atshintshe izinga ngaphandle kwemvume yePalamente alihambelani nomgaqo-siseko. IPalamente ngoku ineenyanga ezingamashumi amabini anesine (24) zokutshintsha umthetho.
Ukanti ngaphambili, i-ANC, i-IFP, i-ActionSA, kunye namaqela amancinci afana ne-PA, i-UDM kunye ne-GOOD Party baxhase uhlahlo-lwabiwo mali oluqulathe ukunyuka kwe-VAT, ngelixa i-DA, i-EFF, i-FF+, i-ACDP, kunye ne-MK Party beyichasile, belumkisa ukuba iza kuthwala umthwalo ongafanelekanga kumakhaya.
Okwangoku, izinga le-VAT lizinze likwi-15%, kwaye nakuphi na ukunyuka kwixesha elizayo kuya kuxhomekeka ekuvunyweni yiPalamente.

