UMphathiswa wezeMpilo kuzwelonke uAaron Motsoaledi uthe ukuvela kweekhemikhali eziphazamisa i-endocrine (EDCs) kwezinye ii-sanitary pads kunye nee-pantyliners akuyonto intsha kwaye kubeka umngcipheko omncinci kwimpilo xa amanqanaba ehlala ngaphakathi kwemida yokhuseleko.
Ubethetha ngeCawa umhla wesibhozo (8) kweyoKwindla kusasa kwintlanganiso yabezindaba ukuze aphendule kuphando olwenziwe yiYunivesithi yaseFreyistatha (UFS), eyapapashwa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyoKwindla ku-2026, eyavavanya ii-sanitary pads ezilishumi elinesithandathu (16) kunye nee-pantyliners ezisixhenxe (7) ezithengwe kumaqonga onxibelelwano.
Olo phononongo lufumene inani elincinci leekhemikhali eziphazamisa i-endocrine.
Iphepha lophando ligqibe kwelokuba iimveliso zokuya exesheni zinokuba ngumthombo obalulekileyo kodwa ohlala ungakhathalelwa.
Nangona kunjalo, uMotsoaledi ugxininise ukuba ezi khemikhali zifumaneka rhoqo kwiindawo zemihla ngemihla.
“Izifundo ezipapashwe ngaphambili ziqinisekisile ukuba inani elincinci lale ntsholongwane ye-endocrine likho kwiimveliso zempilo zokuya exesheni. Ubukho be-EDC’S buyaziwa kangangeminyaka engaphezu kwekhulu.”

