Abatyholwa abane bavele phambi kwenkundla kamantyi yaseMotherwell eGqeberha izolo umhla wamashumi amabini anesibini kweyeDwarha, bejongene namatyala anzima malunga nezityholo zokubulala ekutyholwa ukuba ziyayanyaniswa nentlawulo ye-inshorensi eshukumise uluntu lwesitalato iDyakalashe eMotherwell.
Aba batyholwa, uAndisiwe Siwe Zondani (32), Siphamandla Spa Matsha (29), Ayanda Akhanani Yekela (29) noSiphokazi Mabuto (27) bajongene namatyala alishumi elinesixhenxe, kuquka namatyala amathandathu okuceba ukubulala, amahlanu okuzama ukubulala, kunye namatyala amaninzi anxulumene nokuba nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni.
Ngokwezityholo uSiphokazi Mabuto nguye owaqulunqa ezi ngoma kuninakazi uKholelwa Mabuto awayembiza ngokuba ngumama wakhe. UKholelwa, ongumsebenzi kuMasipala oMbhaxa weNelson Mandela Bay, ubize uSiphokazi njengomntu oza kuxhamla kwiipolisi zakhe ze-inshorensi. Ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) kuTshazimpuzi ka-2024, udubulo kwikhaya lakwaMabuto eMotherwell lwashiya uKholelwa eyimfama ngokusisigxina kwaze kwenzakala umntakwabo, uThando Mabuto. Emva kohlaselo, isoka likaSiphokazi, uSicelo Manyashe, weza nodade wabo, uThembakazi Manyashe, ukuba ancedise ekunyamekeleni uKholelwa.
Isiganeko sesibini esibuhlungu senzeke ngomhla wethoba (09) Oktobha 2024, xa ukudubula kwenzeka kwakule ndawo yokuhlala inye, ngeli xesha kukho amalungu amathandathu entsapho.
Ngethuba kuhlaselwa, uSiyanda Mabuto kunye noSicelo Manyashe badutyulwa babhubha. Uphando lwamapolisa lubonise ukuba ulwaphulo-mthetho kutyholwa ukuba lubangelwa ngumnqweno wokubanga intlawulo ye-inshorensi kunye nelifa. Abamangalelwa abane baye babanjwa kwaye ngethuba lokuvela kwabo enkundleni ngoMvulo, bonke bazilahla izicelo zabo zebheyile.
Ityala lihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kuNovemba ka-2024 ukuze kuqhutyekwe nophando.

