11.9 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

ISIXEKO SITYIKITYE ISIVUMELWANO NESIXEKO SASEJINHUA, E-CHINA.

Njengenxalenye yokuphucula amathuba anika umdla kubantu bomasipala ombaxa waseBuffalo City, uSodolophu oLawulayo UPrincess Faku, amalungu eKomiti kaSodolophu wesiXeko kunye ne-Arhente yoPhuhliso kuMasipala kulomasipala batyikitye iSivumelwano sokuQonda (i-MoU) kunye neNtloko yabaThunywa kwisiXeko saseJinhua eChina, uChongile Zhu ukomeleza ubudlelwane phakathi kwezi zixeko zibini kunye nokuphucula imeko yezoqoqosho yeSixeko.

Esenza amazwi okwamkela kule ntlanganiso, uSodolophu uthe: “Njengomaspala waseBuffalo City, siseke ubudlelwane obuyimbali nezixeko zase China.”

“UBudlelwane kunye neSixeko saseJinhua bubuyela emva kusukela ngonyaka ka-1998. Ngo-2000 ibhunga elalisakuba yiKing Williams Town Transitional Local Council laseka intsebenziswano neSixeko saseJinhua kwiPhondo laseZhejiang. Sineqela labathunywa abasindwendweleyo besuka kwisiXeko saseJinhua,” utshilo uFaku.

IiNdwendwe eziHloniphekileyo eziye zakho kulentlanganiso zibandakanya: UMphathi wesiXeko uMxolisi Yawa, uMmandla woPhuhliso lwamaShishini eMonti (IDZ) uSimphiwe Kondlo, iNtloko yeCandelo loLawulo (iHOD) kwiNkonzo yeNkxaso yesiGqeba uNcumisa Sidukwana,iNtloko yeCandelo loLawulo (iHOD) yoPhuhliso loQoqosho nee-Arhente uNoludwe Ncokazi, uMphathi Jikelele (GM) wezoNxibelelwano, uBudlelwane baMazwe ngaMazwe (IR). ), Ubudlelwane Phakathi kooRhulumente (IGR) kunye neNkqubo eziZodwa u-Ondela Mahlangu kunye noMphathi weNtsebenziswano yoPhuhliso kunye noBudlelwane baMazwe ngaMazwe uDarby Gounden.

Usodolophu ukwaqaqambise ukuba ukusukela ngonyaka ka-2017 umasipala ombaxa uthatha inxaxheba kwiprojekthi ebizwa ngokuba yi-Homestay. IProjekthi ejolise ekwandiseni ubuhlobo phakathi kwezixeko ezikhulu kunye nokutyebisa utshintshiselwano ngenkcubeko kunye nokugcina indalo yemveli, inkcubeko, imbali yeelali zayo zasemaphandleni.

“I-Buffalo City ibixhasa le nkqubo kwaye ukuza kuthi ga ngoku ithumele ubuncinci babathunywa bolutsha/abafundi abangamashumi amabini nanye (-21) ukuba bathathe inxaxheba kwinkqubo yokuhlala ekhaya, njengoko sonke siyazi ukuba iDyunivesithi yase-Zhejiang Normal University yaqala ukufumana abafundi bexesha elifutshane bezizwe ngezizwe eChina ngeminyaka yoo-1980. Lithuba lethu singu-BCMM ukuba sithathe eli nyathelo silenze lisebenzele isiXeko sethu,” utshilo uSodolophu.

UFaku ukwathe iSixeko sineeDyunivesithi neekholeji ezimbalwa. Oku kuthetha ukuba kukho amawakawaka abafundi abahlala kwisiXeko nabafunda kula maziko eMfundo ePhakamileyo. UPrincess ukwame ngelithi abafundi bayawadinga amathuba emisebenzi emva kokuphumelela kula maziko. Uqhube wathi umasipala ombaxa ulapha ukuze adlale indima yayo ekudaleni loo misebenzi kwaye ngaphandle kwentsebenziswano efana nale, la mathuba mancinci.

By *Siyakholwa Vuso*

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.9 ° C
11.9 °
11.9 °
82 %
1.5kmh
99 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks