I-Anqobile Modeling Academy liziko elisekelezelwe ekuphuhliseni nasekuqoqosheni abantu abatsha abanomdla wokuphuhlisa izakhono zabo kwicandelo loonobuhle.
Eliziko lizinze phantsi komasipala waseNgqushwa kwakuledolophu. Lisekwe nyakenyekwinyanga kaCanzibe (May) ngenjongo yokukhwebula amakhwenkwe namantombazana aseNgqushwa kwimiceli-mingeni ejamelene nabantu abatsha, ekuquka ukukhulelwa kwamantombazana aselula, ukusetyenziswa kweziyobisi, ukuhlukunyezwa ngokwesini, ulwaphulo-mthetho kunye nobuNdlobongela. Eliziko sele linabantwana abathe kratya kumashumi amahlanu (50) abazibandakanye nalo.
Encokola ne EC Indaba Umlawuli weliziko uVuyowethu Ngalonkulu (38) oyinzalelwane yaseRura uthe, ” Xa umntwana enayo into yokwenza elungileyo, ukhangela into engalunganga yokwenza. Sileliziko saye sabona ukuba anqongophele amathuba okuba abantwana baseNgqushwa bazibandakanye kwizinto zophuhliso”
Uthi kungoko ke bethe bavula elithuba lokuba ulutsha lwaseNgqushwa lwakheke.” Uqhubeke wathi isakhono soonobuhle igxile ngokubanzi ekubeni ubani azifumanise axhobiseke kwaye akhule. Ekwathi kungoko elicandelo lidlala indima enkulu ekuphuhliseni umtu omtsha.
I-Anqobile Modeling Academy sele iqhube iinkqubo zokhuohiswano ezintathu kunyaka ophelileyo ukusukela kweyeKhala (July) 2023, nalapho abantwana bebezibonakalisa indlela abakhula ngayo kwicala loonobuhle kunye nokuzithemba esidlangalaleni. Kumsitho wamva nje, ngoMvulo umhla umhla wokuqala (-1) kuTshazimpuzi (April) kulo umiyo bekunxityiswa abazokukhuphisana kumjikelo kamagqibela ka nkqoyi, ozakubanjwa ngomahla wamashumi amathathu (-30) kweyeSilimela (June) eMphekweni Resort.
Ukanti abo bachongiweyo kulindeleke ukuba basebenze ngokuzimisela kwezinyanga zimbini zishiyekileyo, bebonakalisa iimpawu zokuba ziinkokheli nokuba ngonoozaku-zaku beliziko nasekuhlaleni. Ukanti lomsitho kulindeleke uzinyaswe ziingcungcu eziphuma mbobo zone ukuzakufaka ihlumelo kubantwana baseNgqushwa.
Eshwankathela umdliwano-ndlebe lethu uNgalonkulu uthe eliphulo libe yimpumelelo ngenxa yento esekhosi uNomakhaya Jaca kwakunye nabaxhasi bakhe asebenzisana nabo abangoosomashishini baseNgqushwa. “okubalulekileyo emakuqondwe malunga nenkqubo ye ( *Modeling*) kukuba ayikokuqaqambisa ubuhle kuphela koko kuhamba nokuphangalala kwengqondo” Beauty and Brains “” uvale ngelitshoyo