By Sophumelela Singqoto
Ibingumnyhadala omkhulu eNtabankulu usingathe umnyhadala wokuthanda inkcubeko nelifa lemveli yakwaNtu.
ILwandlolubomvu Great Place kwilali yaseMatshona eNtabankulu eMpuma Koloni ibibambe umnyhadala weshumi elinesibhozo (18) weMpondo Culture and Heritage Festival phantsi komxholo othi Umgubho wamaMpondo.
Lo msitho ufuna ukukhuthaza umanyano kwiinkcubeko ezahlukeneyo.
Lo mnyhadala ubuzinyaswe ziinkcubeko ezahlukeneyo ezisuka kwiindawo ngeendawo zoMzantsi Afrika nangaphaya eziquka amaPedi, amaTswana, amaSotho, amaNdebele ooKumkani kunye nobuKhosi.
Izizwe ezahlukeneyo ziza apha ukuze zonwabele ukungafani kweenkcubeko, izithethe kunye namasiko azo.
“Besibhiyozela lo mnyhadala kule minyaka ilishumi elinesibhozo idlulileyo ukusukela ngo2006. Xa sibhiyozela umnyhadala wethu, sibhiyozela iyantlukwano zezinye iinkcubeko ezivela kumaphondo ahlukeneyo, sikhuthaza umanyano loluntu, sikhuthaza, sikhuthaza ukubaluleka kwenkcubeko yamasiko nezithethe kunye nelifa lemveli,” utshilo uKumkani uNzululwazi Sigcau.
Kusenjalo, uNkosi Ntsundzuka Mahumane wesizwe samaTsonga uthi lo mnyhadala wamaMpondo ubonisa umoya wobuAfrika, umanyano kunye nezithethe ezahlukeneyo.
“Izithethe nemigaqo yethu iphantse yafana naxa silapha, siyibonile indlela amaPondo ayigcina ngayo inkcubeko yawo, enye into ebaluleke kakhulu kwaye siyibonile kukuba isizwe samaPondo asiqatshelwa eMzantsi Afrika kodwa njengoba thina silapha sithanda ukufunda into abayenzayo kwaye esivakalelwa kukuba ibaluleke kakhulu,” utshilo uChief Mahumane.
Iinkokeli zemveli zikholelwa ukuba abemi boMzantsi Afrika banokuyisombulula imingeni yabo ukuba basebenza kunye.
“Ekuqaleni kweminyaka yamashumi asixhenxe (70) abantu babesoyikelana ngenxa nje yokuba babethetha iilwimi ezahlukeneyo, ukuba uthetha isiMpondo, isiZulu kunye nabantu beSepedi babeza kuzihlukanisa. Kodwa ngoku ndilapha ndiziva ndisekhaya kwaye xa besekhaya eLimpopo baziva besekhaya,” ucacisa watsho uNkosana uSerake Mampuru weSizwe samaPedi.
Umdaniso wengcongolo kunye novavanyo lobuntombi luye lwanconywa njengeendlela zokugcina izithethe zakudala.
Amanye amabhinqa akhoyo akholelwa ukuba liyeza lokuthintela ukukhulelwa kolutsha ezilalini.
“Njengoko sinohlahlo lwabiwo-mali lwe-R250 000 kunyaka-mali ngamnye, olu hlahlo lwabiwo-mali lujongana nomdla wawo onke amantombazana aya kuvavanyo lobuntombi, siyaqinisekisa ukuba aya kuvavanyo lobuntombi. Siyazi ukuba abanye babo baphuma kwiintsapho ezihluphekileyo yiyo loo nto sinohlahlo lwabiwo-mali lwale nkqubo,” wongeza watsho omnye wabalindi.