Ngomhla wamashumi amabini anesibini (23) kuCanzibe 2024, i-Tap Wealth Africa ibibambe iphulo lokuxhobisa oosomashishini baseMdantsane ngeenkcukhaca ezinokuthi zixhase kwaye ziphucule amashishini alangingqi. Oku bekubanjelwe kwindayo yaseKoneni eMdantsane.
I-Tap Wealth Africa ngumbutho osekelwe kukuguqula iindawo zokuhlala ezilokishini nasezilalini zibe ngabathathi-nxaxheba abakhutheleyo kwezoqoqosho. Ngokusebenzisa ezi zixhobo, i-TAP Wealth Africa ijolise ekukhuthazeni ukukhula koqoqosho nophuhliso oluzinzileyo, ibeka uluntu njengabaxhasi abaphambili kuqoqosho lwase-Afrika.
Xa besithetha nelungu lalombutho uMnumzana Wayde Fredericks uthe, le ngqungquthela ijolise ekubuyiseleni iinzame zophuhliso zibuyele ezilokishini nakuluntu lwasemaphandleni. Kwaye ngokuxhobisa abadlali abancinci, iqinisekisa ukuba ubutyebi obuveliswayo ngabasomashishini ekuhlaleni, buzakukhulisa ukuvuselelwa nokukhula kwawo.
Nangona kunjalo, imiceli mngeni ejongene nawo lo mbutho kukungaqondi kwabantu ukubaluleka kokukwazi ukusebenzisa izixhobo zobuchwephesha kunye nokungabina lwazi luphangaleleyo ngendlela yokusebenizsa imali nokungaqondi ukubaluleka kokushishina phakathi kweengqingqi zethu za sezilokishini.
UTando Ndle obengumphathi-hlelo wale ngqungquthela ugxininise kakhulu ekumiseleni imisebenzi yoqoqosho ngokusesikweni kunye nokomeleza imfundo yezemali. Amanyathelo afana neNgqungquthela yoTyalo-mali kwiilokishi zaseTap Wealth Africa kunye notyalo-mali loshishino lwasemaphandleni abonelela ngamaqonga nezixhobo zokuxhobisa uluntu, luvuleleke ngokupheleleyo ekuphuculeni amandla oqoqosho ebantwini abantsundu.
Umbutho iTAP Wealth Africa ngokubamba lengqungquthela eMdantsane ilindele impembelelo yenguqu nokuphucula immo yentlalo yaseMdantsane.

