Abahlali baseQhasa eFlagstaff bafumene isikhululo esitsha sampolisa.

UMphathiswa wamaPolisa, uNjengele Bheki Cele, uvule ngokusesikweni isikhululo esitsha samapolisa eQhasa eFlagstaff, ngoLwesine, umhla wamashumi amabini nantathu (23) kuCanzibe 2024. Olu phuhliso lubalulekileyo luyinxalenye yokuzinikela kukarhulumente ekuphuculeni ukuziswa kweenkonzo, ukucutha ulwaphulo-mthetho, kunye nokukhuthaza umsebenzi wamapolisa ekuhlaleni.

I-SAPS yaseQhasa ibekwe kwindawo yobuchule ukusondeza iinkonzo ezibalulekileyo ebantwini, ukuqinisekisa ukuba uluntu lwasemaphandleni luphucule ukufikelela kumthetho kunye neenkonzo zikaxakeka.

Ngethuba ethetha noluntu, uNjengele Bheki Cele ugxininise ukubaluleka kolwaphulo-mthetho olujoliswe kwabasetyhini nabantwana kwaye amapolisa kufuneka aqinisekise ukuba oorhunta bayabanjwa kwaye anike inkxaso ebanzi kumaxhoba.

Wongeze ngelithi, “ukuvulwa kwesi sikhululo samapolisa kuphawula inyathelo elibalulekileyo eliya phambili kumsebenzi wethu wokudala indawo ekhuselekileyo kubo bonke abemi bethu. Isikhululo samapolisa sesabantu balo mmandla”.

UMkomishinala kaZwelonke, uNjengele Fannie Masemola wamkele lonke uluntu kwaye wavakalisa umbulelo wakhe kuluntu ngokuzimasa kwabo kunye nokubonakalisa umdla wabo ekuvulweni kwesikhululo samapolisa esitsha.

UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu, uXolile Nqatha, kumyalezo wakhe wenkxaso, ubulele uMphathiswa wamaPolisa ngenyathelo lokwakhiwa kwesikhululo samapolisa kula mmandla.

Isikhululo esitsha samapolisa siza kuqinisa ubudlelwane obuluqilima phakathi kwamapolisa noluntu kwaye oku kuya kunceda ekulweni ulwaphulo-mthetho phantsi komxholo othi, “musa ukuthula kusonakala”.

UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene naye uvakalise umbulelo wakhe kuMphathiswa, uMkomishinala kaZwelonke kunye norhulumente ngokungenelela kwabo ekwakheni isikhululo esitsha samapolisa esilungiselelwe abantu baseQhasa.

Ukwabulele uMphathiswa wePhondo ngokungenelela kwakhe kwingxwabangxwaba yoonoteksi eyakhokelela kubundlobongela nokubulawa kwabantu ngokungekho ngqiqweni. Wongeze ngelithi, ‘i-SAPS ihleli izinzile kwiinzame zayo zokuphucula iziseko zogcino-mthetho. Esi sikhululo samapolisa sitsha eQhasa sibonisa ukuzinikela kwethu okungagungqiyo kukhuseleko loluntu kunye nokugqwesa kwenkonzo. Ndibongoza uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa ngenjongo enye yokulwa ulwaphulo-mthetho nokuqinisekisa ukhuseleko lomntu wonke.’

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA