16.2 C
King William's Town
Friday, October 11, 2024

Ityala likaOmotoso: Sichithiwe isicelo sokungabi natyala

Igqwetha likarhulumente eliphakamileyo uJoel Cesar unyusel’impumlo umfundisi waseNigeria uTimothy Omotoso kunye nabanye abatyholwa kwiNkundla ePhakamileyo yaseGqeberha ngoLwesibini, emva kokuchithwa kwesicelo sabo sokuba zirhoxiswe izityholo ababebekwa zona.

Kwisigqibo sakhe, uJaji u-Irma Schoeman, naye uzichithile phantse isiqingatha sezityholo ezingama-63 ezityholwa ngakwabo bathathu, ngenxa yokuba urhulumente akakhokeleli nabuphi na ubungqina obubonisa ngenye indlela.

Nangona kunjalo, basazakuvela enkundleni kwizityholo ezingaphezulu kwama-30 ezibandakanya ukudlwengula, ukuxhatshazwa ngokwesondo, kunye nokurhweba ngabantu ngokungekho mthethweni.

Ummeli wezokhuselo uPeter Daubermann wazisa isicelo ekupheleni kwetyala likarhulumente, ephikisa ukuba lonke ityala, elaqala ngo-2018, kunye nobungqina babamangali, bonakaliswe kukuziphatha kakubi komtshutshisi.

Ubethetha ebhekisa kulowo wayesakuba ngumtshutshisi wombuso, uAdvocate Nceba Ntwelwa, othi ngokutsho kwakhe ukhuthaze amangqina ukuba azifakele isifungo kwiqonga.

UDauberman ubize uNtelwa ‘njengoMphathiswa weNtengiso’ kwaye wathi ukuziphatha kwakhe kakubi kuye kwagquba kangangokuba kutshabalalise ilungelo labo abameleyo lokuxoxwa kwetyala ngobulungisa.

Xa ewisa isigwebo sakhe, uSchoeman uthe khange afumanise ukuba ukuziphatha kukaNtelwa kubangele ukuba ityala libe lelingenabulungisa.

Nangona ukuziphatha kukaNtelwa kwakuchasene nemigaqo efunekayo kumtshutshisi, ngokutsho kukaSchoeman, uhlalutyo lwakhe lokugqibela lufumanise ukuba lunxulumene kuphela nobungqina bengqina elinye.

“Mna ndinoluvo lokuba ngokumalunga namanye amatyala, kukho i-prima facie case efunwa ngumtyholwa ukuba ayiphendule.

“Kwakungekho mpikiswano ngokuchasene noko,” utshilo uSchoeman.

Amalungu ebandla likaOmotoso amxhasa ngokuya enkundleni ukusukela oko liqalile ityala lakhe.

NgoLwesibini, amalungu ephiko lamanina ombutho weANC ebekhokele umngcelele ngaphandle kwenkundla, exhasa amaxhoba atyholwa nguOmotoso.

UMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni, uBukiwe Fanta usamkele isigwebo sikaSchoeman.

Ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinesithathu kuNovemba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
82 %
1.4kmh
64 %
Fri
16 °
Sat
35 °
Sun
29 °
Mon
17 °
Tue
15 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks