16.8 C
King William's Town
Thursday, April 4, 2024

Isiko lolwaluko alibulali mtu, ntonje ngabantu abangakhathaliyo.

Isebe lezentsebenziswano kulawulo nemicimbi yemveli eMpuma Koloni, lubambe ingqungquthela entsuku-mbini kwibala leGalufa, eMonti. Oku kuza emveni kokuba izinga lokubhubha kwabakhwetha kwiphondo iMpuma Koloni linyuka mihla le. Bambi bathi kudingeka ukuqwalaselwa iingcibi, bambi bathi kumele ugotywe uselula, ukanti ke uninzi lwabantu ebebezimase lomsitho banethemba lokuba eliphulo liyakusebenza.

“Silapha namhlanje ukuza kuxhasa indlu yeenkokheli zesiXhosa ekulungiseni nasekuqulunkqeni icebo lokuphelisa ubhubhane lwabaKhwetha.” Utshilo uLanga Mavuso ongusekela sihlalo ka-Zwelonke kwindlu yeeNkokheli zeSintu.

Ukanti ke lendlu izimisele ukuncedisana nabazali babaKhwetha ukuze kubanjwe iingcibi ezikhokelela ekubeni abaKhwetha babhubhe.

Isithethi sesebe lezentsebenziswano kulawulo nemicimbi yemveli eMpuma Koloni, uMamkeli Ngam uthi, “Isiko lolwaluko alibulali mntu, nto nje ngabantu abangakhathaliyo ababangela ukuba abantwana mababhubhe, enye into ekufuneka siyigxininise umgaqo siseko welizwe uyayibeka into yokuba umntwana xa esendaweni engelokhaya lakhe kufuneka abazali baqinisekise umntwana apho akhoyo ujongwe ngendlela efanelekileyo.”

NeeNkosi ebezizimase lomsitho zivakalise ukuxola leliphulo zikwathi iingcibi kunyanzelekile ukuba zizimisele kumsebenzi wazo ukuze abantwana xa begula bakwazi ukubaqaphela kungekonakali nto.

UNkosi Zwelizolile kaLutuka waseMampondweni phantsi kwesithili i-OR Tambo eMpuma Koloni, uphefumle wathi, “Eyonanto ingamandla kwelisiko yinto yokukhathalelwa kwabantwana, iingxaki ezininzi kwelisiko zenzeka ebukhankatheni. Awukwazi ukuba nekhankatha elizakufuna ukuyokhankatha kumakhwenkwe aphumayo, apho kudliwa khona kuselwa khona, kodwa lomntu usenoxanduva lokuphatha abantwana abaseluhlaza.”

Le ngqungquthela ibizinyaswe nazinkokheli zakwa lizwi, nabo bayalixhasa eliphulo kwaye bazimisele ukusebenza neeNkokheli zendlu yeSintu.

UMfundisi uZukile Makula ongusihlalo webhodi yeenkonzo kwisithili saseMonti kwiphondo leMpuma Koloni, uthethe wathi, “Silapha namhlanje ngokukhwetywa ngumphathiswa wesebe lezentsebenziswano kulawulo nemicimbi yemveli ephondweni uZolile Williams kulengxoxo ekhawulelana nemeko yolwaluko, siyakholelwa ke silibandla ukuba ibandla linendima enzulu elimele ukuyidlala kweliphulo. Bekumele ukuba kukho iinkqubo ezifundisa abantwana abangamakhwenkwana beselula ngesiko lolwaluko ukwenzela bathi befika kwixabiso lokuba baye entabeni zibe iziseko sele zakhekile.”

Le ngqungquthela ibiyimvuselelo yezazela zabo bonke abachaphazelekayo ukuze kubanjiswane ngesiko lolwaluko abaKhwetha babuye bephila

Umphathiswa wesebe lezentsebenziswano kulawulo nemicimbi yemveli eMpumaKoloni, uZolile Williams uphefumle wathi, “Silapha namhlanje ukuza kuvuselela izazela zethu ngokuzibuza ukuba kanti siyibhude phi? Yintoni ekufaneleke yenziwe ukuze siziqonde uba sibuyela njani ukuya kulungisa emva apho yonakala khona yonke lento. Eli siko alenzelwa ukubulala okanye ukonzakalisa umntu, kodwa lenzwelwa ukwakha umntu, nokwakha isizwe.”

Eliphulo ke libhengeze ukuba isiko lolwaluko luzakuvulwa ngoku semthethweni kweliphondo ngomhla wesi-3 eyeNkanga 2023, ukanti namaziko ezeMpilo akulungele ukuphonononga amakhwenkwe.

Aviwe Fex
30 eyeDwarha 2023

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.8 ° C
16.8 °
16.8 °
77 %
1.9kmh
100 %
Thu
32 °
Fri
18 °
Sat
13 °
Sun
18 °
Mon
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks