Limiselwe umhla wamashumi amabini anesithandathu kwinkundla ephakamileyo eBhisho, eMpuma Koloni ityala labatyholwa abalishumi elinesibini kwityala lobuqhophololo likaNelson Mandela.
Imisiwe namhlanje emva kokuba omnye wabarhanelwa uPhumlani Mkolo, nobesakuba ngusihlalo weANC kwingingqi yaseGqirha WB Rubusana, esithi akanamali yokuhlawula igqiza lakhe lamagqwetha.
Eli tyala linxulumene nesityholo sokusetyenziswa gwenxa kwemali eyayilungiselelwe inkonzo yesikhumbuzo yongasekhoyo umongameli Nelson Mandela ngo-2013.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso kule ngingqi uLuxolo Tyali, uthi bayakuchasa ukuhlehliswa kwetyala.
“Umtshutshisi uye wakuchasa ukuhlehliswa kwetyala, kwaye ijaji yaphawula ukuba ukuchasa komtshutshisi kusekelwe kwizizathu ezifanelekileyo kodwa yasivumela ukuba simiswe ukuze uMnu. Mkolo akwazi ukunyusa imali kunye nokuhlawula iqela lakhe lezomthetho.”

