ITyala lokubulala likaVicki Terblanche liyaqhubeka apho abakhuseli baliqukumbela ngengqina labo ekuphela kwalo, umtyholwa uReinhardt Leach.

By Lilitha Phenduka.

IGqwetha lezokhuselo uJodine Coertzen ebefuna ukwazi ngobusuku awabanjwa ngabo ngokusesikweni uLeach.

Lo ka-Leach uchazele ikundla ukuba wayephepha amapolisa awayefuna ukuba aye kwikhaya lika-Vicki kusuku emva kokuba echaze ukulahleka kwakhe. Ukwathe waye waqalisa ukoyika, wangqina ukuba watsalela umnxeba umhlobo wakhe ongumgulukudu, owamnika iinombolo ezintlanu anokuthi amtsalele kuzo ukuze afumane iingcebiso zomthetho.

ULeach uthe ngokuzithandela waqhuba ukuya kwisikhululo samaPolisa kwindlela i-Mount apho waxelela amapolisa ngo-Cullis no-De Ridder.

ULeach uthe xa wayebanjwa kunye nogxa wakhe u-Dylan Cullis, waba ngumntu wokuqala owafuna ibheyile kwaye waqala ngebheyile kwisithuba esingangenyanga emva koko, umyeni kaVicki wangaphambili u-Arnold, ekukholelwa ukuba ngoyena nobangela wokubulala, naye wabanjwa.

Ngethuba lobungqina bakhe, u-Leach ugxininise ukuba ngu-Dylan Cullis owaxina uVicki engekho yena. Wathi ngu-Mario de Ridder owamvusa ephakuzela njengoko u-Vicki wayekhala, kwaye kulapho wabona uCullis phezu kukaVicki emfuthanisela ngomqamelo. U-Leach uthe u-Vicki wakhwaza imizuzwana elishumi elinesihlanu (15), esilwa, kwaze kwathi cwaka.

U-Leach uthe naye baxakana necebo lokuba mabenze ntoni ngomzimba ka-Vickie kwaye baqale baxoxe ngokuwutshisa, ze bagqiba ekuhambeni baya kumhlobo ka-De Ridder, beyokucela iingcebiso malunga nendlela yokulahla umzimba. Umhlobo wacebisa ukuba bamlahle kwindawo yokulahla inkunkuma okanye elwandle.

Umtyholwa uthe wafowunela u-Arnold emxelela ukuba bawenzile umsebenzi. Aba bathathu bebephelelwa ngamandla ukuba mabathini na ngomzimba ka-Vicki ze bamsusa endlini. U-Leach ungqinile ukuba uVicki wayenzima kwaye bobathathu bamsongela ngeduvethi bamfaka ebhuthini ye-BMW.

Ukanti uLeach uthe u-Arnold wamxelela ukuba afake ingxelo yomntu olahlekileyo kwaye amthumelele umyalezo ongeyonyani omxelela ukuba yena no-Vicki balwe ngobusuku obudlulileyo kwaye ulahlekile.

U-Leach uthe umzimba ka-Vicki wawusebhuthini kangangeentsuku ezimbini kwaye bagqiba kwelokuba babuyele kuPeanut, apho babegcina iimpahla zika-Vicki no-Reinhardt.

UPeanut nodume ngokuthengisa iziyobisi kule ndawo wafuna isixa-mali esingamawaka amathathu (R3 000) ukuze agrumbele umzimba kodwa u-Leach wathi unewaka elinamakhulu amabini (R1 200) kuphela awayamkelayo. Amadoda abuyela kwisirhoxo i-Chelsea, asela, ngelixa elinde u-Peanut.

U-Leach uthe kamva babona uPeanut ehamba nefotsholo, wabathatha wabasa engcwabeni, kodwa kwakunetha, yaye kukho udaka oluninzi. Ngokuka-Leach bobabini u-De Ridder kunye no-Cullis bemka kanye xa umzimba ka-Vicki ukhutshwa ebhuthini.

Uthi ekugqibeleni ngu-Peanut owabeka u-Vicki kwindawo yakhe yokugqibela yokuphumla.

Iingxoxo ziyaqhubekeka namhlanje.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA