Ityala likaSaziso Mbanjana noneminyaka engamaShumi amathathu enesixhene(37) ubudala otyholwa ngokubulala unyana wakhe uSinobomi Tywantsi oneminyaka emithandathu(6). USinobomi wabulawa kwindawo yaseBhongweni kude kufutshane eMonti, eKing Phalo Airport ngomhla we04 kweyeDwarha, ukanti lihlehliselwe umhla we22 kaNovemer ngumantyi uKevin Von Bratt kwinkundla namhlanje eMonti ngelithi kusaqhutywa uphando olunzulu ngelityala.
Kutyholwa ngelithi uMbanjana wathatha uTywantsi owayedlala nabahlobo bakhe kowabo wamsa ematyholweni akufuphi nalapho wambulala ngemela. Umzimba wale nkwenkwana wafunyanwa ehlathini kwilokishi yaseBhongweni.
UTywantsi oneminyaka emi-6 ubudala ubekwe kwikhaya lakhe lokugqibela kwiveki ephelileyo. UMbanjana uvele kwinkundla kamantyi ngetyala lokubulala uTywantsi.
Amalungu oluntu, usapho, imibutho yezopolitiko, iAfrican Transformation Movement(ATM), abantwana besikolo kunye neBumbiNgomso NPO bebehlanganisene imatshi ezolileyo ngaphandle kwenkundla beyoxhasa usapho.
Ebexhelekile uNandipha Tywantsi umama kaSinobomi khange akwazi ukuthetha.
UZama Ntshona weATM uphemfumele ngelithi uthe ibuhlungu le nto yenzekileyo kwaye njengamadoda banengxaki yokungakwazi ukumelana nomsindo.
UYonela Poltini,nongu makazi kaTywantsi uthe usapho lunxunguphele kwaye babuhlungu ngesenzo sikaSaziso. Wongeze ngelithi nomninawa kaSinobomi oneminyaka esixhenxe (-7 ) akakwazi ukuya esikolweni ngenxa yokwenzakala, kwaye nomakhulu wakhe akungeni nokutya ngenxa yesisehlo
Obethethela uluntu uLeonard Anele Ncumbese lasekuhlaleni nongumququzeleli walo mngcelele uthe uluntu lwaseBhongweni luchasene nesenzo sikaSaziso.
Ingxelo: Anita Qubula