25.8 C
King William's Town
Thursday, March 20, 2025

Phantsi ngokuxhatshazwa kwabantu ngokweSini.

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Lubabalo Mabuyane, kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo ebambe ingqungquthela engokunqanda nokukhusela uluntu kwimiba yobundlobongela obusekelezelwe kwisini.
Lengqungquthela nebibanjelwe kwiziko lengqungquthela zamazwe ngamazwe(ICC) emont, ibizinyaswe ngamatshantliziyo kwimiba yokuxhatshwa lokuntu, inkonzo yesipolisa, abaphathiswa bephondo kunye nemibutho ezimeleyo efana neMasimanyane International Women’s Centre neKhula Development Projects ekhokhelwa nguPetros Majola ukubalula.

Lengqungquthela ke ithathe iintsuku ezimbini nalapho kuye kwadandalaziswa intsusa nendlela ekunothintelwa ngayo lemiba yokubulawa kuxhatshazwe abantu ngokwesini.  Sukela kunyaka ophelileyo amanani okuhlukunyezwa Kwamanina aye esonyuka ngokwengxelo esuka kwinkonzo yesipolisa.

UMabuyane uphawule ngelithi ubundlobongela kwesini kunye nokubulawa kwasethyini yingxaki enkulu eluntwini kwaye idinga idinga intsebenziswano kubadala nokubancinci kuba lengxaki ingakhethe banii.

Wandule ngelithi ngelithi umxholo walengqungquthela kukuphendula kwanokujonga ukuba ingaba eziziganeko zokuhlukunyezwa kwabantu ziyehla okanye ziyenyuka na mihla le. Wandule ngelithi amanina okuxhatshazwa kunye nokubulala anyuke ngo17% kwesisigaba sonyaka kwaye kunzima ukuchaza ukuba ingaba ngawaphi aquka kuxhatshazwa kwesini kwaye awodlwengulo ahle ngo12.6%

Uthe uLusikisi iseyeyona ndawo iphala phambili kuzo zonke izenzo zolwaphulo mthetho lodlwengulo kwaye ihleli kwindawo yesithathu kweli loMzantsi Afrika ngokuduma ngesisehlo. Uvale ngelithi uluntu malusebenzisane ukulwa lomkhwa ukanti nabanii othe afunyanwe enetyala ngokwenza lemikhuba umthetho makadlale indima.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
25.8 ° C
25.8 °
25.8 °
52 %
1.6kmh
65 %
Thu
28 °
Fri
34 °
Sat
34 °
Sun
29 °
Mon
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks