Indoda etyholwa ngokuphembelela ukubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo (18) eLusikisiki, uMzukisi Ndamase oneminyaka engamaShumi amane anesithandathu (46) udityaniswe namanye amadoda asele etyholwa ngokubulala. Kungoku nje uNdamase uthothoza isigwebo sobomi ngenxa yokubulala nokuphanga. Uye wabanjwa kwiziko leeNkonzo zoLuleko.
Ngexesha lokuvela kwakhe namhlanje, uNdamase wonyule ukuba aziphendulele, ngokuchasene nezibongozo zenkundla, wagqiba kwelokuba angasifaki isicelo sebheyile. Uhamba noSiphosoxolo Myekethe uneminyaka angamaShumi amane anesihlanu(45), Aphiwe “AP” Ndende oneminyaka angamaShumi amabini aneSihlanu (25), Lwando Antony Abi angamaShumi amathathu aneSithathu (33) noBonga Hintsa oneminyaka angashumi amathathu ananye (31), Zenande Paya oneminyaka engamaShumi amathathu anesibhozo (38) noMawethu Nomdlembu engamaShumi amathathu anesithandathu(36) abathe bayilahlile ibheyile. Bonke bajongene namatyala alishumi elinesibhozo (18) okubulala nokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha.
UPaya noNomdlwembu babanjwa eFlagstaff ngomhla we-17 kweyeDwarha , bephethe imipu emine (4) neembumbulu ekutyholwa ukuba zasiwa kwezinye iindawo emva kokubulawa kwabantu eLusikisiki ngomhla wama-28 kweyoMsintsi kwilali yaseNgobozana. Ababini kula madoda, uNende noHintsa babanjwa ePort Shepstone ngelixa u-Abi wabanjwa eMonti ngoLwesithathu umhla we-16kweyeDwarha . UMyekethe wabanjwa ngomhla we-7 kweyeDwarha kwikhaya lakhe eliseMthimde, kwingingqi yaseMamfengwini kwisithili saseLusikisiki. Ukubanjwa kwabo kuza emva kokudubula okwenzeka ngomhla wama-28 kweyoMsintsi , kwimizi emibini eselumelwaneni kwilali yaseNgobozana kufutshane nedolophu yaseLusikisiki, apho kwabhubha abantu abalishumi elinesibhozo, kwaza konzakala abahlanu.
Ityala elijongene nabo bonke abatyholwa lihlehliselwe umhla wama-26 kuNovemba ukuze kuqhutyekwe nophando.