IVenkile yakwaSpar wePhondo leMpuma Koloni uthabathe amanyathelo emveni kwesiganeko sokubhubha kwabantwana abathathu eMdantsane.

By Anita Qubula

UMlawuli weCandelo levenkile uSpar eMpuma Kapa ukhuphe ingxelo eyalela ukuba zonke izidudu zakwaTop Score zakwilizwe laseNamibia ezilungiselelweyo ukutyiwa ngokukhawuleza, zisuswe kwiivenkile zonke zakwaSpar kweliphondo.

USiyolo Dick onguMlawuli oLawulayo kwiCandelo levenkile yakwaSpar eMpuma Kapa, ukhuphe ingxelo ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMsintsi eyalelea ukuba zonke iimveli zesidudu iTop Score zakwilizwe laseNamibia ukuba zisuswe kwiivenkile zonke ezikweliphondo.

Oku kusemva kokuba abantwana abathathu (3) abaneminyaka ephakathi komnye (1) ukuya kwemine (4) ababhubhe eMonti, berhanelwa ukuba batyhefekelw’ ukutya.

Abasemagunyeni bathi umntwana wesine (4) usesesibhedlele emva kwesehlo sangoLwesihlanu kodwa uyewakhululwa esibhedlele.

Iingxelo zithi aba bantwana basweleke ngoko nangoko emveni kokutya esi sidudu .

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA