By Siphiwo Boqwana
Kwimidlalo emithathu Amajita sele engcwabe amaqela amabini iMalawi neLesotho, afaka amanqaku alishumi elinanye kuwo.
Aphindile kwakhona Amajita anqunqela egoqweni iqela lebhola ekhatywayo laseLesotho labangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini (U/20) ubudala ngethuba belibetha ngamanqaku amathandathu kwiqanda (6-0) ngeCawa umhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyoMsintsi eMaputo, kwelaseMozambique.
Eli qela loMzantsi Afrika labangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini (U/20) ubudala lizakuqubisana neComoros ngoLwesibini wanamhlanje ukutsho oko ngomso wokuqala (01) xa sizakube sivula inyanga kaOkthobha 2024.
UShandre Campbell ongumdlali weqela iClub Brugge yabasakhulayo eBelguium ufake amanqaku amabini kulo mdlalo, uJody Ah-Shane naye ufake inqaku kumzuzu weshumi elinesixhenxe kwisiqingatha sokuqala somdlalo.
Umdlali weMamelodi Sundowns uLetlhwalo Letlheko naye ufake elakhe inqaku kumzuzu wamashumi amahlanu, kananjalo nomdlali wangasemva kwiKaizer Chiefs uSfiso Thimba uzityele itheko wafaka elakhe inqaku.