Ayisekho emhlabeni intwazana encinci nebisaze ngobuse elizweni, egama linguAmahle Tyityaba. Lentwazana neneminyaka elishumi elinesine(14) ubudala ibulewe ze yadlwengulwa yindodo endala neqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathandathu anesine(64) ubudala.
Ngokwengxelo yabahlali bakuCentane kwilali yakuMcotama nababhalele uPetros Majola osincedisayo kwelijelo, bathi lendoda idlwengule ze yabulala lomtwana sele igcwele izitalato nanjengoko ibibanjiwe kodwa yakhululwa kuba amapolisa esithi abukho ubungqina.
Abahlali bakuCentane balugcwabevu ngumsindo kwaye bafuna uRhulumente angenelele kwaye nengalo yomthetho idlale indima yayo bengekazithatheli umthetho ezandleni.
Ukanti kulindeleke ukuba umtwana abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngomhla we 29 July 2023 kwaye uPetros Majola weKhula Development Projects udandathekile kakhulu sesisehlo kwaye uthi uzakuyoqwalasela lenyewe ukuze ubulingisa benziwe ngasemtwaneni nakusapho.

