18.5 C
King William's Town
Tuesday, December 3, 2024

Uyibeke yacaca uMongameli ukuba akezi uPutin eMzantsi Afrika

UMongameli weliloMzantsi Afrika uCyril Ramaposa uqinisekisile ukuba uMongameli uPutin waseRussia akasayi kulibeka unyawo lwakhe kwingqungquthela yeBRICS nekulindeleke ukuba iqhube eRhawutini kwinyanga ezayo.

Kaloku iBRICS yenziwa ngamazwe afana neBrazil; Russia; India; China kunye noMzantsi Africa, ntoleyo eyenza ukuba loMongameli waseRussia abeyinxalenye yalengqungquthela nekufanelekileyo ukuba ayizase. Nangona kunjalo uCyril Ramaphosa uthi, naliphi na ilinge elinokwenziwa lokubamba umongameli waseRussia uVladimir Putin xa etyelele apha iyakuba sisibhengezo semfazwe neRussia.

URamaphosa utsho kumaphepha enkundla akhutshwe ngoLwesibini  kuba iRussia ikubeke kwacaca ukuba kuthe kwabanjwa  umongameli wayo, oko iyakuba sisibhengezo semfazwe.

Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo iqela lezopolitiko iDA likhwaze ngelithi uPutin makabanjwe, kanye xa ebeka unyawo lwakhe kweli. Kaloku uPutin usabandakanyela kumatyala okubhubha konzakale abantu kumlo wemfazwe obuphakathi kwelizwe laseRussia neUKrain kunyaka ophelileyo.

Ukanti eyona njongo yalengqungquthela,  ngamazwe akwindibanisela yeBRICS athi afuna ukwakha ooRhulumente abanesakhono sokumelana nokuqubisana ngempumelelo imiceli-mngeni echaphazela amazwe abo, nokuba bakwazi ukuphucula ukusebenza kukaRhulumente ngeenjongo zokunikezela ngeenkonzo ezisemgangathweni eluntwini.

Kungoko icandelo iNational School of Government, belibambe inkomfa entsuku-ntathu, ehlakulela ingqungquthela yamazwe eBRICS kwinyanga ezayo nanjengoko inkomfa yokuqala yayibanjwe ngonyaka ka2018, ngethuba uMzantsi Afrika wawusingathe ingqungquthela yeBRICS ngaphambili.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18.5 ° C
18.5 °
18.5 °
88 %
4kmh
76 %
Tue
18 °
Wed
24 °
Thu
21 °
Fri
28 °
Sat
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks