Kulindeleke ukuba ivele namhlanje (Monday), kwinkundla kaMantyi yaseBenoni, EKurhuleni indoda enamashumi amathathu ubudala malunga nezityholo zokubulala intombazana eneminyaka emine izelwe.
UBokgabo Poo waseWattville eEastrand wathi waziswa nje ngolahlekileyo, lusapho lwakhe, kuMvulo weveki ephelileyo. Indibanisela eyenziwe ngabahlali namapolisa ekukhangeleni olu sana ikhokhelele ekufunyanweni komlenze walo, kuqala, kwingcwaba elikumasango endlu eseTamboville, kwakulo mmandla.
Kuthe ekuthambekeni kwelanga kwafunyanwa umzimba wale ntombazana kumganyana ongephi nalapho bekufumaneke umlenze wayo.
Othethela amapolisa kula ngingqi uMavela Masondo uthi umrhanelwa uye wabanjwa kuMantla aseBoksburg ngoLwesihlanu odlulileyo. Ukanti ngoMgqibelo usapho lomfikazi kuye lwaya kufanisa umzimba nalapho luye lwangqina ukuba ngenene ngumzimba wentombazana yabo ibithe shwaka.
UMkhomishinala wamapolisa eGauteng uElias Mawela uwuncomile umsebenzi owenziwe ngabahlali kunye namapolisa ekukhangelweni kwale mveku nasekubanjweni komrhanelwa.
Ingxelo: Mncedi Mbombo
0632054506

