Kuye kubanzima eMtata! Abantu babulawa mihla le.

Kudutyulwe kwabulawa iGosa lezendlela elineminyaka engamashumi amathandathu anesibini ubudala kuMaspala wengingqi iKing Sabatha Dalindyebo. EliGosa liwunabele uqaqaqa lisemsebenzini ngenjikalanga yanamhlanje.

Kutyholwa ukuba emva kwentsimbi yeshumi elinesibini eliGosa lezendlela negama lingu Daniel Mxoli, uye wamisa isithuthi esiluhlobo lweToyota Tazz engumbala osiliva ngaphambi kokuba kuqhume ingxabano phakathi komqhubi no Daniel. Umqhubi uye wamisela isithuthi sakhe kufutshane ze esi sibini emva kokuba sixambulisene, umqhubi ungqale nqo kweli Gosa lezendlela ze wathulula iimbumbulu ngaphambi kokuba abaleke ngesithuthi sakhe.

AmaPolisa asaqhuba uphando ngesi sehlo kwaye acela nabanina onokuthi ancedise ekufunyanweni ko mrhanelwa atsalele umnxeba ku Mncuphi uTamsanqa Ntshantsha ku 072 102 3468 okanye ku Crime stop ku 08600 10111 okanye aye kwisikhululo samaPolisa esikufutshane. Lonke ulwazi liyakuqhutywa ngokuyimfihlo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA