Intsebenziswano egqwesileyo phakathi kweeyunithi i-k9 zase-Makhanda, eCradock, eGqeberha nase-Queenstown malunga neemoto ezithutha i-abalone ikhokele ekubanjweni komrhanelwa oneminyaka engashumi amane anesithandathu ubudala kunye nokufunyanwa kwe-abalone exabisa ngaphezu kwesigidi esinye.
Kutyholwa ukuba ngoMgqibelo womhla wesithathu kweye-Silimela ngezithuba zentsimbi yeshumi elinesibini kwasasazwa malunga neveni yohlobo lwe-Toyota emhlophe eyayithutha i-abalone kwaye yayihamba kwindleka iR350. Ngelixa icandelo leenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika yase Makhanda i-k9 begade lendlela erhanelelwayo, bafumene isithuthi kumgama oziikhilomitha ezingamashumi amabini anesixhenxe ngaphandle eMakhanda. Imoto ibifumene ingozi yaze yashiywa.
Obengaphangelanga usajini Anthony Benade wase-Makhanda wecandelo Ie-k9 encediswa licandelo lothintelo lwaphulo-mthetho lenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika eMakhanda, uye waqhuba ukuya kwisibhedlele esikufutshane eyobuza imibuzo kodwa bathe bakufumanisa ukuba akukho mntu ongenileyo ukuze afumane unyango, baqhagamshelana neenkonzo zeenqwelo zezigulane, lwaza lwabazisa ukuba umrhanelwa bamohlise egaraji, njengoko exele ukuba akuludingi unyango.
Amalungu aqhubele phambili egaraji afika umrhanelwa ezimele egumbini. Uye wabuyiselwa kwindawo yengozi. Akukhonto ifunyenweyo kwisithuthi kodwa xa amalungu eqala ukukhangela kwindawo ekufutshane , ufumene iingxowa ezilishumi elinesixhenxe ze-abalone efihlwe phantsi kweebhokisi zekhadibhodi. Ixabiso lesitrato eliqikelelwayo le-molluscs liwaka elinamashumi amabini amawaka. Kuye kwatyholwa ngelithi i-abalone ibisingise e-Blomfontein isuka e-Gqeberha.
Umrhanelwa uvalelwe ityala lukufunyanwa ne-abalone kwaye kulindeleke avele enkundleni kule veki.
Ukhomishinala wesithili i-Sarah Baartman uMej Gen Zolani Xawuka uncome umsebenzi weqela phakathi kwamaqela e-k9 aquka namalungu okuthintela ubugebenga lwenkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika eMakhanda. “Silumnkisa abaphuli-mthetho abasebenzisa iindlela zethu ngokuthweba ngokungekho mthethweni ukuba silumnkile kwaye asisayi kuthandabuza ukubamba kunye nokuhlutha iimphahla zabo. Sizakuqhubeka kwiinzame zethu zokubhukuqa lamaqumrhu anemisebenzi yawo ekwachaphazela ubugebenga obunzulu nobudlobongela. Umsebenzi ogqwesileyo owenziwe ngamaqela ethu ethumela umyalezo ocace gca kubaphuli-mthetho ukuba asilelanga“. Utshilo uMej Gen Xawuka


