19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Liye lizanyuka izinga lesidingo semifuno emhlabeni

SinguRhulumente wePhondo sibanikile imali aba basemagunyeni ukuze baninike niphuhlise amashishini enu, utshilo uMphathiswa uMvoko.

Kulempelaveki sisuka kuyo, iqumrhuluka Rhulumente leECDC belibambe umsitho we (OR Thambo Agriculture & Food trade fare) nebibanjelwe kwibala lezemidlalo eMtata.

Eliphulo nenjongo yalo ibukukuphuhlisa nokuxhobisa amafama asezilalini asakhulayo ngeendlela ezizizo zokushishina kwanokwabelana ngezakhono.

Lomsitho nobuzinyaswe nguMphathiswa uMvoko, uSihlalo webhodi yeECDC Mnu Jarana kunye noMphathi(CEO) weECDC uMnu Wakaba, batsho kwavokotheka ngethuba bephosa amazwi enkuthanzo kumafama asakhulayo.

UMphathiswa uMvoko wandule esithi abasemagunyeni manayeke ukuchitha ixesha bekhangela izizathu zokungancedi abantu ngezibonelelo zabo zemali.

Kulenyanga yolutsha uRhulumente makazame ukukhuthaza ulutsha ukuze baqale amashishini akwaziyo ukuzimela bangaxhomekeki kumashishini eeTender.

Liyonyuka inani lemfundo yemifuno ngoku kwaye singiRhulumente kumele sizame ukukhawulelana nezomfuno.utshilo

Ukulima yenye yezinto ezibalulekileyo, neziphuhlisa uqoqosho kweli loMzantsi Afrika. SEZ simbini eziqhibela phambili.. iKoaga kunye neMonti. Nangona kunjalo singuRhulumente wephondo sibone ukuba nakumaspala waseOR Thambo makubekh ekhoyo. Sagqiba ke ukuba ube yiIndustrial Park ze emva koko ibeyi SEZ lomzuzu uRhulumente ezama ukutsala abatyali zimali. Ezizigcwangciso zimiselwe ukuba zisekwe kungekudala.

Enye yemiceli mngeni yamafama zizakhono ezizizo kunye nezixhobo ezaneleyo zokusebenza kumafama.

Abemi bangaphandle bakwazile ukuthatha ushishini kuba bayakwazi ukunyamezela bathi chuu ngamashishini. 100 million yokuphuhlisa ooSomashishini abazakubeka eliphondo kwinqanaba eliphezulu ingakumbi lamashishini mancinci.

Lomcimbi ubanjiweyo akukuba kuthengiswe okanye kubukwe kuphela koko abantu badibaniselane kwaye baxoxe ngeendlela zokusebenzisana.

Enye yenkqubo esizenzileyo singuRhulumente, kukuqulunqa ikqubo yokugundisa abantu abalungisa iimoto nabasakhukayo abafundiswayo ukuze babeneemphepha ezizizo ukuze bakwazi ukusebezisana noRhulumente.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks