15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Igwetyiwe indoda yaseGqeberha, neyahlisa ngomlenze izigidi zeerandi.

Indoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu (53) ubudala igwetyelwe ityala lobuqhophololo oluxabisa iR4.4 yezigidi zeerandi (R4.4 million) kwinkundla yamatyala oRhwebo aKhethekileyo eGqeberha ngoLwesihlanu.

UGregory Ferguson, nongomnye weengqonyela e-Cob Creek Estate, wabaqhatha abalawuli ababini asebenzisana nabo kwisithuba seminyaka esixhenxe ukusuka ngo-2005-2011. Le nkampani, ibhaliswe ngokufanelekileyo, yasekwa ukuze iphuhlise iGolf Estate yokuhlala, ifama yewayini kunye nerestyu eKabeljous eJeffreys Bay.

Isithethi seHawks uNdiphiwe Mhlakuvana uthi uFerguson nguye yedwa otyikityeyo kwiakhawunti yebhanki yale nkampani. Uthi uFerguson, ngaphandle kolwazi lwabalawuli asebenzisana nabo, wacenga abatyali-mali ukuba batyale imali kuphuhliso lwe-Estate, olungazange lwenzeke. UMhlakuvana uthi ngenxa yoku, uFerguson usebenzise le mali ukuze azuze yena. Uthi uphando ludize ukuba abatyali-mali badlelw’ indlala kwimali engaphaya kwe-R4.4 yezigidi zeerandi xa abaphicothi-zincwadi befumanisa izinto ezingangqinelaniyo.

Ukanti lo mbandela wadluliselwa kooKhetshe nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kukaFerguson kweyoMnga ka-2016. UFerguson uza kugwetywa nge-31 kaJanuwari. kunyaka ozayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks