Igqiza leMsobomvu Community Forum eGcuwa, kulindeleke ukuba libambe umthandazo kunye neenkokheli zakwalizwi kwicawa yaseWesley ngomso.
Lomthandazo nekulindeleke ukuba uzinyaswe yiKumkanikazi yamaXhosa eNqadu uNonzuzo Sigcau, nanjengoko injongo yalomthandazo ikukulwa ubundlobongela obugqubayo kunye nokubhiyozela iminyaka emibini yasekwayo.
Kaloku injongo yeliphulo leforum, kwakhokelelwa kukubona ukutsha lutshabalala, abantwana bebizwa njengamaphara ekuhlaleni ngenxa yezimbo zolwaphulo mthetho abalenzayo. Uluntu ke lwagqiba kwelokuphakama besebenzisana nomthetho ukulwa ubundlobongela nokuxhatshazwa kwabantu ngokwesini(GBV)
Kwiindwendwe ezizakuzimasa lomsitho, nguNkosikazi womfundisi ongasekhoyo uNkomfa, uMfundisi uSiziba, uMpostile Mboleko , uBhishop wamabandla uSebe njalo-njalo.
Isizwe asakhiwa ngumtu omnye.

