27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

“Izenzo zam ziyandingcungcuthekisa” kutsho uPasile kunontlalontle.

Igwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu(25years) ithothoza ngaphakathi entilongweni indoda egama linguAlutha Pasile(25) kwitya lokubulala kunye neminyaka elishumi(10) eyongezelelweyo yokuphazamisa ingalo yomthetho.

UPasile wabulala enqunqa isinqandamathe sakhe esasingumfundi weDyunivesithi yaseForthare uNosicelo Mtebeni(25) kweyeThupha. Umzimba kaMtebeni wafunyanwa uhlohlwe kwisutikheyisi ubekwe kwikona yesakhiwo esiseQuigney eMonti.

Ngexesha lokuxoxwa kwetyala lakhe uPasile wazityand’ igila ngokubulala uMtebeni ngabom, kambe esithi ukwenze oko kuba ebecinga ukuba lentwazana iyamjolela.

IJaji uNomathamsanqa Beshe nebichophele elityala imfumene enetyala kwaye nonontlalontle ogama linguNomonde Semper uxelele inkundla ukuba uAlutha uthi izenzo zakhe ziyamngcungcuthekisa kuba mihla le ubona uMtebeni enxibe ilokhwe emnyama esiza ngakuye athi xa esondela intloko iwe phantsi.

UPasile ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu ngokubulala kunye neminyaka elishumi ngokuzama ukuphazamisa ukusebenza komthetho. Izigwebo zakhe ziya kuqhuba ngaxeshanye. Ityala litshutshiswe ngempumelelo nguMtshutshisi uNickie Turner.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks