UMasipala ombaxa waseBuffalo City eMpuma Koloni ungqinile ukuba kubhubhe abantu ababini ngenxa yezikhukhula ezihlasele eli phondo kwimpelaveki.
Inani labantu ababhubhileyo kumasipala ombaxaiNelson Mandela Bay limi kwisixhenxe. Oku kufikelele kwithoba inani labantu ababhubhileyo kweli phondo ngenxa yezikhukhula.
Bangaphaya kwamawaka amathathu abantu baseNelson Mandela Bay abaphulukene nezinto zabo eziquka izindlu. Umasipala ombaxa uthi uchonge umhlaba azakuthi kuwo agxumeke izakhiwo zethutyana ukuze kuhlaliswe abo bachaphazelekayo.
Ngokwengxelo yeendaba zeSABC, uSodolophu weSigqeba uPrincess Faku uthi baceba ukutyelela iintsapho zabangasekhoyo.
“Izolo bebemalunga newaka namakhulu amathathu (1 300), ngoku bamalunga namawaka amathathu namakhulu amathathu kunye namashumi asithandathu anesine (3364) abantu abachatshazelwe zizikhukula, abantu ababini abaswelekileyo ukusukela izolo. Sithethathethana noMphathiswa kunye noMEC wezokuHlaliswa koLuntu eMpuma Koloni ngokusondeleyo, ukujonga nje ifuthe lentlekele esixekweni. Sichonge amaqhekeza omhlaba kwaye into esiyilindileyo kukuba isebe lokuhlaliswa koluntu lixhome ezi zakhiwo zethutyana,” utshilo uFaku.

