ULindiwe Sisulu umemelela ‘iBlack Pact’ ukuchasa umfelandawonye weANC-DA.

Kwisibhengezo esipapashwa esidlangalaleni, igqala le-ANC uLindiwe Sisulu umemelele ukuba kubekho umanyano lwabantu abamnyama oluzakuchasana nomanyano olucetywayo phakathi kwe-African National Congress kunye neDemocratic Alliance (DA).

Le ntetho kaSisulu iza phakathi kwentelekelelo malunga nomanyano lweANC neDA olunokubakho emva kokungaqhubi kakuhle kweANC kunyulo lukazwelonke lwakutsha nje, nalapho ithe yafumana iivoti ezingaphezulu kancinci kumyinge wamashumi amane ekhulwini (40%).

Endaweni yokumanyana neDA, uSisulu uye wacebisa imanyano yamaqela akhokelwa ngabantu abamnyama. Lo mfelandawonye uzakuquka iANC, MK, EFF, IFP, kunye nePA, ukumanyana phantsi kweenjongo ezifanayo zenkululeko yabantu abamnyama kunye nenkululeko yezoqoqosho.

Ethetha nephephandaba iIndependent Online, uSisulu khange awuvale umlomo wakhe, echaza lo mbutho unokubakho kwiANC neDA “njengokungcatsha” abalandeli beANC. USisulu uveze ukuba ukusebenzisana neDA kuya kuthintela inkqubo yokuphilisa isizwe.

“Imbali yabantsundu eMzantsi Afrika ibuhlungu, kwaye abaninzi basathwele amanxeba njengam, umtshato ophakathi kweANC neDA usenokungancedi ekupholeni kwesi sizwe sihle,” utshilo.

USisulu ulumkise ngelithi ukuvumela iDA ibambene nolawulo kungakhokelela ekuqalekeni kwezenzo zocalucalulo nangezikhumbuza ngocalucalulo.

USisulu ukhuthaze umanyano phantsi kweflegi yoMfelandawonye, egxininisa ukubaluleka kokuqhubeka neenzame zokusingise kwinkululeko yabantu abamnyama.

By Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
19 ° C
19 °
19 °
66 %
2kmh
5 %
Fri
34 °
Sat
26 °
Sun
26 °
Mon
27 °
Tue
33 °

EZITHANDWAYO INDABA