Iziko elizimeleyo lifuna ukurhoxiswa kwesigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseGqeberha.

ICandelo lamaLungelo oLuntu kunye naBantu abaLahlekileyo eMpuma Kapa libhengeze iinjongo zalo zokuphikisa isigwebo samva nje esiwiswe yiNkundla ePhakamileyo yaseGqeberha ngoMfundisi uTim Omotoso. Kwingxelo ethunyelwe kwimithombo yeendaba yomhla wesi-2 kuTshazimpuzi 2025, eli ziko lizimeleyo livakalisa ukusichasa kwaso isigwebo senkundla laza laqinisekisa ukuba liye lathetha-thethana nabameli bomthetho ukuze basirhoxise isigwebo.

“Kuyinkxalabo enkulu ukuba sivakalisa ukusichasa kwethu isigwebo esiwiswe yinkundla ephakamileyo yaseGqeberha ngomhla wesibini kuTshazimpuzi ka2025,” itsho ingxelo.

Eli ziko livakalise ukuba liwafakile amaxwebhu ayimfuneko kwiGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe kunye neSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko kwiinzame zalo zokusitshitshisa esi sigwebo.

“Sikholelwa ngokungagungqiyo ukuba eli tyala alizange linikwe ubuchule benkundla kunye nengqalasela efanelekileyo. Ngaphezu koko, ubungqina obuthiwe thaca enkundleni abuzange busetyenziswe ngokupheleleyo ngurhulumente.”

Lo mbutho ugxininise ukuzinikela kwawo ekuqinisekiseni ukuba ityala lika-Omotoso liyaphononongwa kwakhona kwaye ubulungisa buyenziwa.

“Ngumsebenzi wethu owenze sithathe esi sigqibo sokuthatha lo mbandela wokuphikisa isigqibo senkundla ephakamileyo yaseGqeberha, kwaye sikulungele ukuwubeka lo mba kwiNkundla ePhakamileyo yeziBheno nakwiNkundla yoMgaqo-siseko ukuba kukho imfuneko. Eyona njongo yethu iphambili kukuqinisekisa ukuba ityala likaMfundisi uTim Omotoso liyaphinda livulwe, kwaye kufikelelwe kwisigwebo esinobulungisa.”

Ingxelo yaqukunjelwa ngekhwelo lokuba eli tyala liphinde linikwe ingqwalasela.

“Sinethemba elikhulu lokuba iinzame zethu ziyakukhokelela ekuqwalaselweni kwakhona kweli tyala kwaye ubulungisa buya kwenziwa ngokufanelekileyo.”

UMlawuli Jikelele weCandelo lamaLungelo oLuntu eMpuma Kapa ukhuphe ingxelo, ebongoza abezomthetho ukuba baliphonononge kakuhle eli tyala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA