By Siphiwo Boqwana
Amabhokobhoko adlala nyani njengeenjinga zeNdebe zeHlabathi emva kokuphumelela imidlalo emibini (2) ilandelelana ngethuba ibetha iNgilane eTwickenham eNgilane ngamanqaku angamashumi amabini anethoba kumashumi amabini (29-20) ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithandathu kule yeNkanga inyanga emva kokubetha iScotland kwiveki ephelileyo kwimidlalo yayo emithathu yokhenketho nekulindeleke badlale umdlalo wesithathu nowokugqibela kulonyaka neWales, eCardif.
Izitsibabhokhwe ziyibethelele indawo yazo kwindawo yokuqala kumanqwanqwa ehlabathi kumboxo emva kokutywatyusha iiRed Rose kulempelaveki siphuma kuyo.
Ukubuyela kukaRassie Erasmus njengomqeqeshi waMabhokobhoko lonto yenze ukuba eliqela liphumelele kwanto ephambi kwalo. IiBoks ziphumelele iNelson Mandela Plate, iFreedom Cup neNdebe yeRugby Championship ka2024 nelinde iminyaka elishumi elinesihlanu phambi kokuba iyiphumelele le ndebe.
INkokheli yabadlali bombhoxo yeliqela lesizwe loMzantsi Afrika uSiyamthanda Kolisi uvakalise ukuba banendlela ethile yokuphumelela nokuba imeko seyinjani, sele umdlalo abawudlalayo ungekho mhle kodwa baqinisekisa ngento enye bengamabhokobhoko ukuphumelela umdlalo kubo yeyona nto iphambili nebalulekileyo, uSiya ukuthethe oko emva kwempumelelo yabo neNgilane ngoMgqibelo.
NguCheslin Kolbie oyokulala emgceni amatyeli amabini kulomdlalo.

