Iziyolo zolonwabo zidlule nemiphefumlo emibini(2) kulwandle laseMonti

Iziyolo zolonwabo zidlule nemiphefumlo emibini kulwandle laseMonti.

Ibiziziyolo zolonwabo, ingumbo nomxesibe kunxweme laseMonti, nanjengoko uluntu beluzonwabisa ngexesha leeholide zokuphela konyaka, kodwa oko kuphele kukho abalila ziinyembezi kukulahlekelwa zizihlobo zabo.

Ngokwengxelo yesithethi soMaspala iBuffalo City uSamkelo Ngwenya, ngabantu ababini abatshone kulwandle laseMonti izolo. Ukanti kwimizimba emibini, umnye osele efunyenwe logama owesibini esakhangelwa ziindadi zeliPhondo.

Ukwathe bahlanu abantu ababikwe njengabebesengozini yokutshona elwandle kambe beqhutywa ziimpembelelo zotywala. Isexeko siyalumkisa kuluntu ukuba luqaphele kwaye bangangeni elwandle xa besele utywala.

Bakwathe, inani leendadi ezisindisa imiphefumlo yabantu balongezile ukuze kukhuselwe uluntu kwanokuqinisekisa ucwangco.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA