15.6 C
King William's Town
Saturday, April 26, 2025

Izokuqala kweyoMnga ukuchophela ityala layo indoda eyabulala amakhwekwana amathathu

Lide lamiselwa usuku lokuchotshelwa kwetyala lendoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala ejongene netyala lokubulala abantwana abathathu (3) abasakhulayo eMdantsane ngenyanga yeNkanga wonyaka ophelileyo.

USiphelele Jako kuthiwa ugaleleke kwisakhiwo esingaphandle eUnit 1 apho abafundi abane(4) bebefundela iimviwo zabo zokuphela konyaka wabadubula.

Kutyholwa ukuba umrhanelwa ebekhangela indoda ebekhe waxabena nayo ngaphambili, uthe wadibana naba bafikisayo, uSomila Soso nabantwana bakowabo, Ume noLikuye Ndambiyana, wavulela ngeembumbulu emizimbeni yabo.

Olu lutsha luneminyaka ephakathi kweshumi elinesixhenxe neshumi elinesithoba (17) neshumi elinesithoba (19) ubudala, lufundela iPhysical Science kwibanga leshumi elinanye kunye namaphepha ebanga leshumi elinesibini (Life Science Science) ebekulindeleke ukuba lubhale ngalo Mvulo.

Ngokwebgxelo yeendaba zeAlgoa, enye inkwenkwe ibhubhele kwindawo yexhwayelo ngelixa abanye ababini babhubhela esibhedlele. Owesine okwishumi elivisayo, uLiyema Diyasi wesikolo samabanga aphakamileyo iMzomhle, nguye yedwa owasindayo.

UJako ebevele phambi kwenkundla yamatyala eMdantsane, phambi kokuba ityala lakhe lidluliselwe kwinkundla ephakamileyo yaseBhisho kwiveki ephelileyo.

Ujongene namatyala amathathu okubulala kunye nelinye lokuzama ukubulala.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali, uthe ityala lihlelelwe ukuqhutywa ngomhla wesibini (2) ukuya kowesithandathu (6) kweyoMnga, ukunika ingqina eliphambili, uDyasi, ithuba lokugqiba iimviwo zakhe zebanga leshumi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks