Kufunyenwe intaphane yemfuyo eyebiweyo kweliphondo

UMphathiswa wezothutho nokhuseleko loluntu ephondweni uthi iya iqatsela inkqubo yamapolisa ejongene nokubiwa kwemfuyo eMpuma Koloni. Oku kuza emva kokuba amapolisa aseMqanduli efumene intaphane yemfuyo ebibiwe ngethuba kutsha nje kuqhutywe iphulo lokukhangela imfuyo kule ndawo. Kufunyenwe iinkomo ezilithoba (9) eBityi, ishumi elinesithathu (13) eNgcobo, neegusha ezingamashumi amahlanu anesithandathu (56) kwiindawo ezingqongileyo. Ezinye izinto ezifunyenweyo zibandakanya iinkomo ezilishumi elinesihlanu (15) kunye neebhokhwe ezilishumi elinesine (14).

Umphathiswa wesebe lezothutho nokhuseleko loluntu uXolile Nqatha ukhuthaze amapolisa ukuba aqhubeleke nogqogqo njengoko kuxhaphakile ukubiwa kwemfuyo kweli phondo. Uthe: “Siyawamkela umsebenzi omhle owenziwe ngamapolisa ethu ukunqanda ukubiwa kwemfuyo ephondweni. Ubusela bemfuyo bubangela ukuba amafama ethu asakhasayo aphulukane nezigidi zeerandi. Njengenxalenye yokuphelisa olu lwaphulo-mthetho, ngoku sazise inkqubo esekelwe kubuchwepheshe ukuncedisa ekulweni lo bhubhani.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.6 ° C
11.6 °
11.6 °
80 %
2.1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA