KANTI YINTONI ISONO SABANTU ABA GAY?
Lowo ngumbuzo wetyendyana lelali yakwa Dudumashe eNgqamakwe , sityelele elityendyana kowalo nelingakhange lifune ukuba sichaze igama lalo ngeloyikisela ubomi balo.
Simthiye igama lokuba ngu Anoyolo,uAnoyolo uneminyaka eli 26 ubudala kwaye uthi akahlelanga kakuhle elalini yakhe kuba uyahlekwa ngumntu welali yonke,”abantu bacinga ndizikhethele ukuba gay Kanti yintanto ka Thixo lena . Xandisiya evenkileni ndiva amazwi amanye ade aphume kubantu abadala bathi ndiyinyaka mpuku andizazi ukuba ndikweliphi icala”. Utshile uAnoyolo ngethuba sincokola naye.
Uphinde wathi kodwa ihlobo usapho lwakhe elimkhuthaza ngayo uyonela kakhulu yinkxaso yalo kwaye wamemelela kwisizwe so Mzantsi Afrika ukuba kuyekwe ubukulwa abantu aba gay.
Siphinde satyelela uSiyambulela Mdyogolo wase Motherwell eGqeberha owaziwa ngo “Siyamthanda Marenzo” noyindumasi kumakhasi onxibelelwano.
Ukanti yena uMarenzo uthi uyazingca kakhulu kwaye nezihlobo zakhe zimnika inkxaso kakhulu, uthi wonwabile kakhulu kodwa bakhona abathethayo nto nje akabahoyi.
“Kumntu owoyika uziveza ndicebisa ukuba makalinde afunde abenemali zakhe kunye nomzi wakhe khon’ukuze xa egxothwa ngabazali bakhe abe enezinto zakhe angaxhomekeki mntwini”, utshilo uMarenzo.
Uphinde wathi uMarenzo,”ndikhe ndihlekwe ngabantwana amancinci kodwa andibahoyi kwaye oko ndathi ndabafundisa nge LGBTI+community ngoku abahleki kwaye abafana abaninzi bayazifela ngam”.
Uqwele ngelithi uMarenzo kufuneka Wena kuqala uzithande futhi uzithembe khon’ukuze ungaphelelwa kukuzithemba.
[Efotweni ngu Siyambulela “Marenzo” Mdyogolo]
- Ingxelo: Vuyo Flente