17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Yiminyaka ilikhulu(100) esethembeni kodwa ekugqibeleni ude wawubona umnyango wendlu entsha.

INkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uOscar Lubabalo Mabuyane kwakunye noSiphokazi Lusithi nonguMphathiswa weZentlalo ntle yoluntu, banikezele ngezindlu ezingamakhulu amabini anamashumi alithoba anesithathu(293) ezazisakhiwa kwiiLali zonke eziquka iMadakeni nenjenge nxalenye yeDimbaza.

Leprojecti idlale indima enkulu ekudaleni amathuba emisebenzi engamashumi asibhozo.Ukanti iNkulu baphathiswa uthi bagqibe izindlu ezingamashumi alithoba ananye eMadakeni, ezingamashumi amathathu anesibini eZabalaza, ezingamashumi amathandathu ananye eUpper Ngqesha, nezindlu ezilishumi elinesithandathu ePiere Mission, zizonke zizindlu ezingamakhulu amabini.

Izindlu ezingamashumi alithoba anesithathu eziseleyo, zikumanqanaba aphambili ukuba zigqitywe.
Esitsho esithi “le Projecti ukususela namhlanje izakutshintsha iimeko zokuhlala zeentsapho ezingamakhulu amabini kuba namhlanje ezontsapho zizakube ziphuma ezindlwini zazo zodaka zisiyokungena ezindlwini ezisemgathweni ezinesidima”

Kweliphulo kukwaxhamle nomzi ophantsi kweliso lomtwana osakhulayo nongenabo abazali(child headed home) kwithemba lokumnika ithemba kuRhulumente ozamayonukuphucul iimpilo zabantu.

Kukwanikezela ngendlu kubantu abadala nentsapho zabo abaliqela nekuquka phakathi kwabo uMakhulu uNombuyiselo Zondani ominyaka ilikhulu ubudala(100)

Ingxelo:Zintle Madikane

 

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks