Ngomhla wesixhenxe kule nyanga imiyo ka October. UMkomishinala wamaPolisa kwiPhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uyalele ukuba abomthetho basebenze iiyure ezingamashumi asixhenxe anesibini, kulandela ukubulawa kwabantu abathathu ngokungenalusini kwakunye nokuzama ukubulala amanye amadoda amathathu kwindawo yentselo eMqhekezweni kwindawo yase Bityi ngomhla wesithandathu kule nyanga.
Kutyholwa ukuba ngolusuku amaxhoba ayesela e(vrandini) kule ndawo yentselo ngexa kufika amadoda amathathu angaziwayo nalapho afike athulula iimbumbulu eziliqela kwadubuleka indoda enye ngaphandle ze abanye abantu bayalelwa ukuba balale phantsi.
Aba barhanelwa baye bangena ngaphakathi ze badubula amadoda amabini. Abanye abathathu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu ukuya kumashumi amabini anethoba ubudala, bafumene umonzakalo kwaye baye babalekiselwa esibhedlele ukuze bafumane unyango.
Isizathu esingqonge esi sehlo asikaziwa okwangoku kwaye abarhanelwa basagcwele amathafa. Sithetha nje abecuphi baseBityi baphanda amatyala amathathu okubulala nokuzama ukubulala. Kuyacelwa nabanina onokuthi ancedise ekukhangeleni aba barhanelwa atsalele umnxeba ku Kapteni Mluleki Ngqeleni ku 072 730 7381 okanye uDetecticve Bonginkosi Madikazi ku 082 442 0585 naku Crime stop ku 08600 10111.
ULieutenant Mene uhlabe ikhwelo kuluntu ukuba lusebenzisane namaPolisa ekukhangeleni aba barhanelwa ngokukhawuleza. Uqwele ngelithi bacela babengawo namehlo neendlebe kwindawo abahlala kuzo.
Ingxelo: Zintle Madikane

