13.7 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Kongezwe abogcino-cwangco eMthatha ngelikhusela izikhululo zovoto

Amapolisa kunye namajoni aphezulu bebeseMthatha ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesibhozo kuCanzibe bejonge ukubekwa kwamaziko omthetho kunye namajoni ukuqinisekisa ukuba luqhutywa kakuhle unyulo.

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fannie Masemola kunye neNtloko yoMkhosi wezoKhuselo uNjengele Rudzani Maphwanya, baye eMthatha, nanjengoko beziswe namapolisa.

Inkonzo yesipolisa yongeze amanani ayo kummandla waseMthatha kulandela isidubedube sangoMvulo umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kuCanzibe esibangelwe kukuvalwa kwedolophu ngabaqhubi beeteksi abangonwabanga, okuhambe kwaba nobundlobongela.

Amapolisa abandakanyeka kudubulwana nabarhanelwa abathi boyikise abasebenzi besikhululo seenqwelomoya saseMthatha benyanzelisa ukuba sivalwe esikhululo seenqwelo-ntaka ngolu suku.

Abarhanelwa ababini bonzakele kwaye abantu abahlanu babanjwa kulandela eso sehlo.

Olu suku luphinde lwaphazanyiswa kukuphangwa kweelori ezivale iindlela, eziquka ilori ebithwele izikipa ze-EFF kunye noluhlu lwabavoti bombutho.

Amapolisa athi ngoLwesibini imeko ibephantsi kolawulo, esithi balishumi elinesihlanu (15) bebonke abantu abanjiwe.

Kusenjalo, inkonzo yesipolisa ithe uNjengele Masemola kunye noNjengele Maphwanya kulindeleke ukuba batyelele kwaye babeke iliso ekuthunyelweni kwabantu kule ndawo.

“Amapolisa ongezelelekileyo athe atyalwa eMthatha ngenjongo yokuqinisa amaziko ogcino-mthetho asele emisiwe ukuqinisekisa ukuba unyulo luqhutywa kwindawo ekhuselekileyo,” utshilo uBrigadiya uAthlenda Mathe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
13.7 ° C
13.7 °
13.7 °
75 %
2.6kmh
74 %
Sat
13 °
Sun
16 °
Mon
13 °
Tue
22 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks