15.6 C
King William's Town
Saturday, April 26, 2025

UMongameli weli wandisa ingqesho Ye-SANDF ukulondoloza umthetho nomyalelo ngexesha lolonyulo .

UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uxelele iNdlu yoWiso-mthetho ukuba amalungu angamawaka amabini anamakhulu asibhozo namashumi amabini anesibhozo (2 828) oMkhosi woKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika (i-SANDF) aza kuqeshelwa inkonzo ngentsebenziswano neNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ekuthinteleni nasekulweni ulwaphulo-mthetho kunye nokugcinwa komthetho nocwangco ngexesha loNyulo lweSizwe nolwePhondo lonyaka ka-2024.

UMongameli Ramaphosa uxelele uSomlomo oBambeleyo weNdlu yoWiso-mthetho kunye noSihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo ukuba ukuqeshwa kwabasebenzi be-SANDF kuza kuba yinxalenye ye-Operation PROSPER kwaye iza kusebenza ukusuka ngomhla wamashumi amabini (20) kuCanzibe ukuya kumhla wesixhenxe (7) kweyeSilimela.

Le ngqesho igunyaziswe ngokungqinelana nemigaqo yeCandelo lamamakhulu amabini ananye ((Section-201) (2) (a)) loMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika ka-1996, efundwa kunye neCandelo leshumi elinesithoba (19) loMthetho woKhuselo ka-2002 (uMthetho onguNombolo 42 ka-2002).

Inkcitho yalo msebenzi iqikelelwa ngaphaya kwamashumi amahlanu ezigidi (-R59,451,704.)

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks