15.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Kubanjwe abantu abathathu malunga nokuxhwilwa kuka-Emaan Fatima wase-Buffalo Flats, eMonti.

Abantu abathathu bavele eNkundleni kaMantyi eMonti ngentsasa yangoLwesithathu malunga nezityholo zokuxhwilwa kuka-Emaan Fatima.

U-Emaan Fatima oneminyaka elithoba (09) ubuncinci uye wakhululwa kusasa ngoLwesithathu, emva kweveki ethunjiwe ngaphandle kwesokolo sakhe e-Buffalo Flats eMonti ngoLwesinbini weveki ephelileyo, (04) kweyoMdumba 2025.

U-Lieutenant Colonel Avele Fumba, isithethi soCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluphambili uthe abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini (20) namashumi amathandathu anesixhenxe (67) ubudala batyholwa ngokuxhwilwa.

UFumba uthe ngokophando, ixhoba wayegoduka ebuya esikolweni ngexesha exhwilwa ngabantu ababini abangaziwayo. Wafakwa kwisithuthi sakwa-Toyota Corolla esiSilivere ngombala wasiwa kwindawo engaziwayo.

“UPhando olucokisekileyo luye lwakhokelela ekubanjweni kwaba barhanelwa. Ixhoba siye salifumana ngaphandle kwesikhululo samapolisa, lingabikwa hlaba.”

Elityala liye lahlehliselwa umhla weshumi elinethoba (19) kweyoMdumba 2025 ukuze kufakwe isicelo sebheyile ngokusesikweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
81 %
2.1kmh
69 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
24 °
Sat
27 °
Sun
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks