URamaphosa usikhabile isicelo sendibano phakathi kwe-Solidarity ne-AfriForum kunye naye.

UMongameli Cyril Ramaphosa uthi akazoyenza into yokuba adibane neqela i-Solidarity kunye ne-AfriForum emveni kokuba umongameli waseMelika uDonald Trump ekhuphe umyalelo wokunika imbacu kumaBhulu eli kunye nokunciphisa inkxaso ngakuMzantsi Afrika malunga nocalucalulo ngakumafama amhlophe.

ISithethi se-Ofisi kaMongameli uVincent Magwenya uqinisaekisile ukuba uRamaphosa akazusihoya isicelo esiphuma kulamaqela mabini, ebika imbali yoku “ukumela uMzantsi Afrika ngendlela engeyiyo kumazwe ngamazwe” kunye nokusasaza ubuxoki ngabom malunga nemigaqo-nkqubo yelizwe yokubuyiselwa komhlaba.

ISolidarity ne-AfriForum bavakalise ukudana, usihlalo weqela i-Solidarity uFlip Buys ebongoza uRamaphosa ukuba ayivumele le ntlangano yabo, elumkisa ubudlelwano obuntengentenge neMelika kunganeziphumo ezingekho ntle ngakwezoqoqosho zoMzantsi Afrika. 

UMagwenya ethetha neendaba ze-SABC emveni kwengoxo yeNtetho yoBume beSizwe (SONA), uzikhabile izicelo zendibano nomongameli, esithi umongameli akanyanzelekanga ukuhoya abantu abaye bakhankasa ngokuchasene neli lizwe kumazwe aphesheya. 

Oku kukhatywa kutsha nje yi-Ofisi kaMongameli kugxininisa iyantlukwano ekhulayo phakathi kukarhulumente woMzantsi Afrika kunye namaqela alwela ilungelo lasekunene aqhubeka nokucela umngeni kwimigaqo-nkqubo yelizwe yasemva kocalucalulo kumaqonga ehlabathi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
88 %
1.9kmh
98 %
Sun
17 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA