12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

URamaphosa usikhabile isicelo sendibano phakathi kwe-Solidarity ne-AfriForum kunye naye.

UMongameli Cyril Ramaphosa uthi akazoyenza into yokuba adibane neqela i-Solidarity kunye ne-AfriForum emveni kokuba umongameli waseMelika uDonald Trump ekhuphe umyalelo wokunika imbacu kumaBhulu eli kunye nokunciphisa inkxaso ngakuMzantsi Afrika malunga nocalucalulo ngakumafama amhlophe.

ISithethi se-Ofisi kaMongameli uVincent Magwenya uqinisaekisile ukuba uRamaphosa akazusihoya isicelo esiphuma kulamaqela mabini, ebika imbali yoku “ukumela uMzantsi Afrika ngendlela engeyiyo kumazwe ngamazwe” kunye nokusasaza ubuxoki ngabom malunga nemigaqo-nkqubo yelizwe yokubuyiselwa komhlaba.

ISolidarity ne-AfriForum bavakalise ukudana, usihlalo weqela i-Solidarity uFlip Buys ebongoza uRamaphosa ukuba ayivumele le ntlangano yabo, elumkisa ubudlelwano obuntengentenge neMelika kunganeziphumo ezingekho ntle ngakwezoqoqosho zoMzantsi Afrika. 

UMagwenya ethetha neendaba ze-SABC emveni kwengoxo yeNtetho yoBume beSizwe (SONA), uzikhabile izicelo zendibano nomongameli, esithi umongameli akanyanzelekanga ukuhoya abantu abaye bakhankasa ngokuchasene neli lizwe kumazwe aphesheya. 

Oku kukhatywa kutsha nje yi-Ofisi kaMongameli kugxininisa iyantlukwano ekhulayo phakathi kukarhulumente woMzantsi Afrika kunye namaqela alwela ilungelo lasekunene aqhubeka nokucela umngeni kwimigaqo-nkqubo yelizwe yasemva kocalucalulo kumaqonga ehlabathi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks