Amapolisa aseCala apheka esophula amadoda amabini (2) ngemibuzo malunga nesenzo esimasikizi sokubulawa kowasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala kwingingqi yolawulo lwaseTsengiwe ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kuCanzibe ngo2024.
Kutyholwa ukuba ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kuCanzibe 2024, umalusi ebekwintaba kaNdaba eTsengiwe, wabona isidumbu sowasetyhini singenantloko. Njengoko uphando luqhubeka, amadoda amabini (2) avalelwe ngeCawe umhla weshumi elinethoba (19) ukuze agcinwe eluvalelweni.
Kwakhona, kwangolo suku, emva kwemini, intloko yexhoba yaafunyanwa malunga neekhilomitha ezinthathu (3km) ukusuka kwindawo yoLwaphulo-Mthetho. Iimeko ezinxulumene nokufa kwakhe okumanyukunyezi ziphantsi kophando. Le nkosikazi ibichongwe njengo-Uluntu Stuurman.
Ityala lokubulala liyaqhuba.
By Anita Qubula.

