Isithethi seZiko leSizwe lokuHlangula eLwandle (National Sea Rescue Institute) uCraig Lambinon uthi ngeCawe ngomhla weshumi elinethoba (19) malunga nemizuzu elishumi elinethoba (19) emva kwentsimbi yesithandathu (6:19pm) ngokuhlwa, abantu abadlala indima ethile abaquka iCoastal Water Rescue kunye neSAPS baye basabela kwindawo yexhwayelo.
Apho ekufikeni kwabo, abadadi baqalisa ukungena bequbha bezama iinzame zokukhangela ngaphandle kwabantywili.
Emva kophando olunzulu imizimba yabantu abadala ababini (2), indoda nebhinqa, iye yafunyanwa. Bobabini babhengezwe njengabaswelekileyo yaza imizimba yabo yathathwa yaya kukhathalelo lwaMapolisa kunye neeNkonzo zikaRhulumente zeForensic Pathology.
Iphulo lokukhangela indoda elahlekileyo liyaqhuba. Kukholelwa ukuba bobathathu (3) ngabemi balapha eMzantsi Afrika.
Lo mba unikezelwe kwiSAPS evule idokethi lophando.
By Anita Qubula.

