Amalungu esikhululo samapolisa aseKabega Park eGqeberha abambe abarhanelwa ababini (2), afumana imoto ebibiwe, athatha nemipu emibini (2) kulandela ukudubula okumasikizi kuhola wendlela uN2 okhokelele kwingozi emasikizi ngoLwesine umhla wokuqala kweyeThupha.
Lo mbhodamo wenzeke ngentsimbi yesine malanga kuN2 ngaseWestering ngethuba abakhweli ababini (2) abebehamba ngeFord Ranger emhlophe badubula abantu abane (4) abebekhwele kwiVW Polo esilivere.
Ngokutsho kwamapolisa, umqhubi weVW Polo esilivere unikezele ngethuba eqaphela umqhubi weFord Ranger kunye nenye iVW Polo eblue emva kwakhe.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi umqhubi weVW Polo wangqubeka kwiFord Ranger ngelizama ukubaleka abahlaseli bakhe.
“Umqhubi weFord Ranger woyiswa kukuyilawula wangqubeka nentsika phantsi kwebhulorho.
“I-VW Polo esiliva iqhubekile nokuqhuba xa ephawula ukuba i-VW Polo eblue ebihamba emva kweFord Ranger nayo ifike ecaleni kwakhe yadubula iVW Polo esilivere.
Umqhubi weVW Polo esilivere uqhubele eLivingstone njengoko ababini (2) kubakhweli abane (4) befumene amanxeba okudutyulwa.
NgokukaJanse van Rensburg, umqhubi weVW Polo eblue waqhubeka kuN2.
“Uphando lokuqala luveze ukuba umkhweli omnye weFord Ranger ubalekile kwindawo yexhwayelo.
“Umqhubi uswelekile kwaye abanye abakhweli ababini (2) kwiFord Ranger bonzakele ngenxa yale ngozi,” utshilo uJanse van Rensburg kumthombo weendaba zeAlgoa
Ukanti kwathathwa imipu emibini (2) enembumbulu kwindawo yexhwayelo.
Amapolisa angaqinisekisa ukuba iFord Ranger yabiwa kwisitalato saseNewton, eNewton Park kweyeKhala.
Abarhanelwa ababini (2) ababanjiweyo bajongene namatyala amane (4) okuzama ukubulala, ukuba nemoto ekurhaneleka ukuba ibiwe, nokuba nemipu nembumbulu ngokungekho mthethweni.
I-VW polo esiliva iye yabanjwa kwaye netyala lokubulala ngokungenanjo nalo liyaphandwa.