9.5 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Kubanjwe abarhanelwa abahlanu (5) eGgeberha ngezityholo zokubulala

Ukusabela ngokukhawuleza phakathi kweqela laseGqeberha K9, Flying Squad kunye namaPolisa kaMasipala kukhokelele ekubanjweni ngokukhawuleza kwabarhanelwa abahlanu emva kokuba iqela labaphambukeli lihlaselwe kuMbindi ngorhatya lwangoLwesine,

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yethoba iyunithi yaseGqeberha K9, iFlying Squad kunye naMapolisa oMbaxa bebejikeleza kwisitalato iRink, kuMbindi ngethuba beqaphela igquba labantu limi ngakwindoda ebingqengqe esitratweni. Umntu uhlaselwe kakubi kwaye wasweleka ngenxa yokwenzakala kwakhe. Ngokwengxelo, abarhanelwa abahlanu bahlasele elo qela belilele. Umfi akazange akwazi ukuwubaleka umsindo wawo yaye wabethwa wafa. Abarhanelwa babalekile besingise kwisikhululo sepetroli kwisitalato iRink. Amapolisa kunye namaPolisa kaMasipala akhawuleza ukusabela kwaye ababambe abarhanelwa abahlanu. Umfi akaziwa ngoku kwaye kukholelwa ukuba ukwiminyaka yakhe engamashumi amahlanu.

Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu ananye ukuya kumashumi amane ananye ubudala bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoMvulo weshumi elinesibini/06 ngetyala lokubulala.

Amapolisa acela uncedo kuluntu ekukhangeleni usapho lomfi okanye akwazi ukumchaza, angaqhakamshelana noSAPS Humewood, D/Cst Ridwaan Baatjies 073 130 3018 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane okanye athumele iinkcukacha ngeMYSAPSAPP. .

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
9.5 ° C
9.5 °
9.5 °
79 %
3.9kmh
99 %
Sun
10 °
Mon
12 °
Tue
20 °
Wed
21 °
Thu
28 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks